WATCH: Thugs bomb and rob money truck in Kgotso Street, Katlehong in Ekurhuleni. Residents scramble for cash. pic.twitter.com/RQpjeMJCad
— BEAST OF NEWS (@EversonLuhanga) February 17, 2023
Ngu Zukile Majova no Everson Luhanga
Ipolisa elinobuqhophololo lesikhululo samapolisa iKatlehong North SAPS libhengezwe njengo ngqondo – ngqondo obeceba ukukhuthuzwa kwemoto ehambisa imali, ekhuthuzwe kule lokishi ngoLwesihlanu.
Esisiganeko senzeke kwikona yomgaqo iKgotso neMpambo street, kwindawo yaseMavimbela section eKatlehong, izigebenga ezingenantloni zikhuthuze imoto yakwaFidelity Cash Solutions , ehambisa imali ixhobile.
Basebenzise imoto zakwaBMW 3 series yeminyaka yo1990 ukuvavanya lemoto yemali ixhobileyo, beyitshayisa emacaleni, nto leyo ibangele ukuba ime ngenkani. Emva koko banyanzelisa oonogada ukuba baphume kulemoto, bevulela ngembumbulu ngakwicala ekukhona abahlali kulo, kwaye basebenzisa iziqhushumbisi ezilawulekayo ukuze bakwazi ukuvula isikhuseli (safe)
Iqonga lendaba iScrolla.Africa likwazile ukufumana iinkcukacha ezibanzi malunga nokuba yacetywa njani, nokuba lenziwe njani eliyelenqe lokuqweqwedisa lemoto.
Kukhangeleka ngathi izicwangciso zoluqweqwediso zacetywa kwiiveki engaphambi kokuba lwenziwe, zicetywa lipolisa lesikhululo iKatlehong North SAPS.
Ngolwesine umtyholwa wacela umakhelwane wakhe ukuba amncede afihle iimoto zakhe ezimbini iMercedes-Benz sedan ezimbini kunye neBMW sedan ekwiyadi eyakhiwe yane garaji yakhe enamagumbi amabini.
Kungoku nje umrhanelwa ubanjiwe, uxelele amapolisa ukuba ucele itshomi yakhe yasekuhlaleni ukuba ifihle imoto yakhe yesithathu kwigaraji yayo.
Emva koko umrhanelwa uhambe negquba lamadoda ngesithuthi sohlobo lweQuantun.
Ngolwesihlanu umrhanelwa lo, ufike ngentsimbi yeshumi ehamba ngeQuantum kunye nalamadoda ebehamba nawo.
Zizithuthi ezintathu kunye nebhasi encinci eziye zachaphazeleka kwiyelenqe lokuqweqwediswa, lokukhuthuzwa kwesithuthi esihambisa imali.
Emini emaqada, ezizikrelemnqa zivele zangena kuyo imoto yemali. Le yindlela edla ngokusetyenziswa kuqweqwediso lwesithuthi semali, apho kusetyenziswa izithuthi ezibini zeGerman Sedan zeminyaka yee80’s ne90’s, zisetyenziswa kuba zinomphambili namacala omeleleyo.
Emvakoko abarhanelwa banyanzelise oonogada ukuba baphume kwesisithuthi, balale phantsi ngaphambi kokuba baqhushumbise isikhuseli semali ngeziqhushumbisi ukuze ivuleke.
Baphinde badubula ngeembumbulu kubahlali ebebebukele, nalapho badubule indoda emqaleni, ze owasetyhini wadubuleka kumantla engalo.
“Abarhanelwa emvakoko babalekile kwindawo yexhwayelo ngemoto ezohlukeneyo – iBMW 3series, iMercedes-Benz emhlophe, iMercedes-Benz e siliva kunye neToyota Quantum. IBMW egrey esetyenziswe ukonakalisa isithuthi semoto iishiywe kwindawo yexhwayelo.
Emva kokufumana umkhondo, amapolisa akwazile ukufumana izithuthi ezibini zohlobo lweMercedes-Benz sedan kumzi womrhanelwa, osePalm Ridge, kwabanjwa amanina amabini kunye namadoda amathathu esengaphakathi kwelikhaya.
Isithuthi seMercedes enye bekusele yebiwe eMoffatview ngelixa enye iqweqwediswe eMeadowlands, ukanti iBMW yona iqweqwediswe eEden Park.
Umrhanelwa ongu ngqondo-ngqondo ubanjelwe endlini yakhe ngethuba esalungiselela ukuya emsebenzini njengamntu ubesebenza ebusuku. .
Izazisi zemoto iNumber plates zenkonzo yesipolisa kufunyenwe eziliqela endlini yakhe, kunye neebhatyi ezibalekayo zenkonzo yesipolisa kuquka namaxwebhu amabini amatyala okubulala
Abarhanelwa abahlanu, baselugcinweni lamapolisa eEden park, ngelixa umrhanelwa ophambili evalelwe kwisikhululo samapolisa iBrackendowns.
Umfanekiso ongasentla: Abarhanelwa abathathu kwisiganeko sokuqweqwwediswa kwempto yemali bayabanjwa.
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe