Lamkelwe okwamaqhawe igqiza lohlangulo ebelithunyelwe eTurkey

Ngu Zavela Makwabe

“Ibiluxanduva olukhulu endingeke ndiluthathe kancinci.”

La ngamazwi abethethwa nguBrigadier Vimla Moodley wephondo leMpuma Kapa, obekhokhele igqiza labasebenzi boMzantsi Afrika ebeyokuba yinxalenye kwinkqubo yokukhangela nohlangulo lwabantu abachatshazelwe yinyikima eTurkey ebutsheni balenyanga.

UMoodley wamkelwe lusapho lwakhe obelumlinde ngengoma nomdaniso, luyiyizela kwisikhululo senqwelomoya iKing Phalo eMonti ngoMgqibelo. 

Walisingela eli ngomhla wethoba kulenyenga yoMdumba, njenge gosa ebelikhokhele igqiza lamagosa eli, awachongwa ukuba aye kunceda iintsapho ezihlaselwe yintlekele ebigqugqisa kwelalizwe ukuba zikwazi ukubuyisela ubomi bawo kwimeko yesiqhelo. 

Ulonwabo kuMoodley belubhalwe ebusweni, kodwa uthe umsebenzi wabahlanguli behlabathi liphela, usekude ekubeni uphele.  

“Inyaniso yeyokuba, abantu belalizwe bave ubuhlungu obumandla kwaye mninzi umsebenzi ekufuneka wenziwe ukubancedisa bafumane ukuxola emva kwalentlekele ibashiye belahlekelwe ngamawaka ezizalwane zabo,” utshilo uMoodley ngokukhathazeka okukhulu exelela iqonga lendaba iScrolla.Africa. 

“Thina sisenethamsanqa lokuphila ngaphandle kweentlekele ezilolwahlobo kufuneka sifunde nto, sibulele kuThixo ngobomi asiphe bona.”

Kumsebenzi wakhe wemihla ngemihla uMoodley uyintloko yecandelo loncedo olukhawulezayo lwenkonzo yesipolisa (PES), engajonganga kuphela iK-9 kunye neendadi kodwa ejongene nawo namapolisa azidyokhi.

Icandelo lenkonzo yesipolisa labeka uMoodley ukuba akhokhele igqiza labakhangeli nabahlanguli iK-9 ebelithunyelwe eTurkey emva kwenyikima eyonakalise ngokumandla, yasuba nemiphemlo yabantu abangamawaka angaphezu kwamashumi amane anesithandathu. 

Ukumamkela njengoko ebuyela ekhaya, oogxa bakhe kunye nosapho lwakhe belugudla amagxa nabaphathi abaphezulu kwinkonzo yesipolisa apha ephondoweni kwigumbi eliphezulu iVIP lounge kwesisikhululo seenqwelo moya. 

Usekela mkomishinala wamapolisa wephondo uMajor General Thandiswa Kupiso uchaze uMoodley njengowasetyhini olugugu kweliphondo leMpuma Kapa, aphinde abe ligosa eligqibeleleyo kwaye elinesibindi.  

“Ubeke iliso, ingakumbi iphondo leMpuma Kapa kwiMephu yehlabathi. UBrigadier Moodley ngunozakuzaku wethu osibonise sonke ukuba iMpuma Kapa inamakroti ekufuneka esebenzele ilizwe lonke kunye namazwe ehlabathi,” utshilo uKupiso.

“Siyabulela kusapho lwakhe ngokumvumela athathe uxanduva esimnike lona ukuba asebenze nakumazwe ehlabathi.”

UMoodley, onikwe isikhundla esitsha esiphezulu kwesingaphambi kokuba ashiye eli esiya kusindleka amazwe ehlabathi, uthe kumnadi ukubuyela ekhaya wachaza ulwazi alufumeneyo ‘njengolumenza azive ethobekile”.

Umfanekiso ongasentla: UBrigadier Vimla Moodley esankelwa njengeqhawe njengoko evela eTurkey  

Imvelaphi yomfanekiso: Zavela Makwabe