Kujongenwe ngezikhondo zamehlo ngabahlali abayinzalelwane yaseNMB nabemi  bangaphandle. 

Ngu Anita Dangazele

Inkulu imbambano phakathi kwabahlali abangaphangeliyo abayinzalelwana yaseNelson Mandela Bay kunye nabo bababiza ngokuba “ngabangaphandle”. 

Umbutho labahlali laseNelson Mandela Bay lityhola iarhente iCoega Development Corporation (CDC) ngokuqesha “abemi bangaphandle” abangazalwa kweliphondo ngethuba bona bengabahlali besala bengasebenzi. 

Ngolwesihlanu, amalungu esisigqeba abambe umngcelele esingise kwiholo yesixeko apho banike uSodolophu womasipala iNMB uRetief Odendaal iintsuku ezisixhenxe ukuba avale zonke iiprojekhthi eziqhubayo eCoega, ukuze aphande ukuba “abemi bangaphandle” bayaqhuba na nokuxhamla endaweni yabahlali bokuzalwa balommandla. 

Lo mbutho wabahlali uthi lomngcelele ulandela iinzame eziliqela zothetha thethwano eziphanzileyo phakathi kwabo neCDC kunye nooCeba. 

Unobhala walo mbutho uSiboniso Matyolo uthe bayayazi ukuba iCoega lelinye lamaqumrhu karhulumente, kodwa umasipala unoxanduva lokuba yinxalenye kuba lisebenzela kumhlaba kaMasipala. 

“Sicela usodolophu angenelele kulengxaki yeCoega kunye nabahlali kuba nathi sifuna ukuxhamla,” utshilo. 

UOdendaal ulwamkele uxwebhu lweziphakamiso zabahlali, wathembisa ukuba uzakuhlala neCoega kodwa ebethelela into yokuba eliqumrhu likarhulumente alikho phantsi kolawulo luka masipala. 

“Bangabathathi nxaxheba, kwaye sinayo intsebenziswano kunye nabo. Sizakuqinisekisa ukuba sizeva ezinye zezikhalazo eninazo” utshilo.  

Uthe uzakubuyela kweliqumrhu labahlali, kwaye uwamnkele umngcelele wabo ozolileyo. 

Eligquba, beliqhankqalaza livala amashishini kwindawo yaseCoega naseMarkman lityhola amashishini kunye neCDC ngokuqesha “abantu bangaphandle” ngethuba belindelele ukuqeshwa. 

Ethetha noOdendaal, uAyanda Mangesana uthe unesakhono sokuba yiArtisan kodwa akafumani msebenzi kwindawo iCoega Industrial Development Zone (IDZ)

“Baninzi kakhulu abantu abanezakhono zokuba ziiArtisan eGqeberha, Saqeqeshwa kudala. Ezinkampani zithatha abantu baseKapa, eThekwini, eLimpopo nakwezinye indawo ngethuba sihleli thina singasebenzi. 

“Senze ntoni? Sibakhuthuze? Ezinkampani azifuni kusiqesha ingaba kufuneka sifikelele apho sizakuthatha amanqanaba anganyanzelekanga?”, Ubuzile. 

UMangesana uthi kunyanzeleke ukuba ahambe ecela imisebenzi, kwaye ngamanye amaxesha uyanyanzeleka ukuba ashiye ikhaya lakhe ukuze afumane umsebenzi.  

Ebutsheni benyanga yoMdumba, kwakhutshwa imiyalezo kunye noshicilelo lwelizwi ezazithe ndii kwikhasi likaWhatsApp, apho lavakala ilizwi lisithi ooceba abathile baseMotherwell bafanele ukubulawa ngokuba bohlulekile ukuncedisa lo mbutho wabahlali kwiinzame zabo zokufumana imisebenzi. 

Kusenjalo, umsebenzi waseIDZ oyinzalelwane yaseThekwini ucele ukungadizwa kuba esoyikisela ubomi bakhe uthe boyika nditsho ukuya elokishini ngenxa yezigrogriso abazifumana kubahlali. 

“Soyika nokundwendwela siyophola elokishini, kuba ukuba bakhe bafumanisa awungoweliphondo leMpuma kapa, bafumanise nokuba usebenza phi, usengxakini. Bayasigrogrisa, asisaziva sikhuselekile apha kwaye asizanga kuzothatha misebenzi yabantu”. 

Isithethi saseCoega uAyanda Vilakazi uzikhabile iingxelo zalo mbutho woluntu, wongeza ngelithi izinyanzeliso zalo mbutho azihambisani nemigaqo elawula urhulumento olusemthethweni kunye nendlela yokuqesha. 

UVilakazi uthe iCDC, iphethwe ngendlela efanelekileyo neyonelisayo kuleminyaka ingamashumi amabini idlulileyo, kwaye iyaqhubeka iqinisekisa ukuba umyinge ka80% wemisebenzi inikezelwa kubahlali. 

Umfanekiso ongasentla: Usodolophu womasipal iNelson Mandela Bay uRetief Odendaal etyikitya uxwebhu lweziphakamiso zequmrhu labahlali 

Imvelaphi yomfanekiso:NguAnita Dangazele