IBanyana Banyana iguqise iqela laseUzbekistan 

Ngu Michael Madyira

Ngobusuku bangoMgqibelo, iBanyana Banyana itywatyushe iqela iUzbekistan ngamanqaku amathathu kwimbande yesikhova kwindebe yeTurkish Womens Cup, kumabala ezemidlalo iEmirhan Sports Complex eTurkey, nekungumdlalo oqhaqhe amashwa ebelinawo eliqela kwimidlalana namaqela aphesheya kwee lwandle. 

Amalungiselelo endebe yehlabathi yamanina i2023 FIFA Women’s World Cup abengumgaqo omagade ahlabayo kwilizwe loMzantsi Afrika, kulandela ukubethwa okumandla lilizwe laseBrazil neAustralia. 

Njengoko eliqela belijamelene nokubethwa okulenze laphelelwa ngumdla ngaphambi kokuqalisa kwendebe yehlabathi ekhangeleka izakubanzima, amantombazana kaDesiree Ellis afumene into ezakuwonwabisa emva kwempumelelo yangoMgqibelo. 

Amanqaku angene kwisiqingatha sokuqala afakwe ngu Jermaine Seoposenwe kunye noNoxolo Cesane, kwagqibezela umdlali weUzbekistan uToliddinova Shokhida ovale ngenqaku alifake kunozinti wakhe, abe ayavalwa amanqaku kulomdlalo. 

“Sisazama ukuba sihlale singabantu esingabo,” uEllis uxelele oonondaba beSAFA emva komdlalo.  

“Siyayazi ukuba eyona ndawo somelele kuyo kukugcina ibhola, kodwa siyazama ukulungisa nakwezinye iindawo, ukuze silungele indebe yehlabathi.”

Iintshatsheli zelizwekazi iAfrika zizibinakalise ngokugqugqisa kwilizwekazi elilikhaya lazo, kodwa zibonakala zidinga kumabala akude nekhaya. 

Uloyiso lwabo kwiqela iUzbekistan, ezizintshatsheli zamazwe akumbindi waseAsia lukrwele umgca emva lokubethwa ngamanqaku amathathu namathandathu kwimbande yesikhova ngokulandelelana bedlala neBrazil kwimidlalo yobuhlobo ngenyanga yoMsintsi kunyaka ophelileyo. 

Emva koko iBanyana Banyana yandwendwela ilizwe laseLondon nalapho bebeyokudlala omnye umdlalo wobuhlobo neAustralia apho babethwa ngamanqaku amane kwelinye.  

Ukubethwa ngokumandla kunye nokusilela ukuhlasela kube zezona zinto zizityhilelo zinkulu kukuzilolonga kwabo, belungiselela indebe yehlabathi.  

“Sijonge ezinye zezizinto, sizama ukutshintsha sithi xasivala sisebenzisane kwaye siqinisekise ukuba sihlala sibumbene somelele,” utshilo uEllis.

“Ukuba sifumana ithuba kufuneka silisebenzise, ezi zezinye zezinto esizijongayo.” 

IBanyana Banyana yaqala ukudlala kwindebe yehlabathi ngonyaka ka2019, apho babethwa ngamanqaku amathathu kwelinye siSpain, emvakoko babethwa yiChina ngenqaku kwimbande yesikhova baphinda batywatyushwa yiGermany ngamanqaku amane eqandeni. 

“Ndicinga ukuba inqaku elinye esalifaka kwindebe yehlabathi yonyaka ka2019, labonakalisa ukuba sikulungele ukudlala kolukhuphiswano. Ngokuqinisekileyo, kufuneka sinyuse umgangatho ngokwendlela esidlala ngayo,” wongeze wenjenje uEllis. 

“Akuyiyo yonke into ezakuza ngalendlela ezifuna ngayo, kodwa siyayazi into esinokuyenza. Siyazilungiselela ukwenza into esifuna ukuyenza kukhuphiswano lwendebe yehlabathi.”

Indebe yehlabathi yonyaka ka2023 izakusingathwa ngokubambisana lilizwe laseAustralia kunye neNew Zealand ukusukela ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yeKhala ukuya kumhla wamashumi amabini kwinyanga yeThupha. 

IBanyana Banyana izakuba kwiqela elidibanisa amazwe iSweden, iArgentina kunye neItaly ekungu Group G, kodwa ngolwesibini bazakudlala omnye umdlalo wendebe yeTurkish Cup bequbisana neSlovenia. 

Umfanekiso ongasentla: Iqela leBanyana Banyana eTurkey 

Imvelaphi yomfanekiso: Banyana Banyana