
Ngu Zukile Majova
Umongameli uCyril Ramaphosa uphose amazwi angqingqwa ngakumbutho weEFF: ingaba nifuna ukulawula okanye nizimisele ukwenza iyantlukwano?
Ethetha emva kweentsuku ezimbini zengxoxo mpikiswano yeSONA, ubhekise kumbutho weEFF “njengonozakuzaku abamele ukuphelelisa uluntu ngethemba”.
Isigqeba sombutho weEFF besingayanga epalamente ukuyomamela iimpendulo zikaRamaphosa – ntoleyo incede yakhusela ipalamente kwelinye ihlazo lokungalawuleki.
Noxa kunjalo, bebebandakanyeka kwezinye izenzo eziphazamisayo kweli.
Umbutho webharethi ezibomvu ngowona mbutho unamalungu amaninzi ngokwamaxwebhu amalungu, ume kumalungu angaphezu kwesigidi.
Kwaye unamalungu angaphezulu komyinge ka10,3% wabavoti abamele abavoti abazizigidi ezibini namakhulu amane amawaka ( 2,4 million), Lombutho wamkiselwa emva kokuqhekeka kumbutho weANC kungenzeka ubonakalise ubungangamsha kunyulo luka zwelonke kunyaka ozayo.
Ngaphambi kokuba anike iimpendulo uRamaphosa, umemelele imibutho yezopolitiko ukuba isebenzisane ukufumana izisombululo kwimiceli mingeni ejamelene nelizwe loMzantsi Afrika.
Kodwa uthe eminye imibutho yezopolitiko ayidlali.
“Endawemi yokubonakalisa uhlolo oluqingqiweyo lwentetho emalunga nobume besizwe, abanye bakhethe ukunganyaniseki nokuzingcwalisa bona,” utshilo.
“Abanye bakhetha ukugxeka nokwenza intlekisa ngazo zonke izinto eziphunyeleliswe ngu rhulumente kuleminyaka mihlanu, ibiyeyona minyaka ibiyonganyelwe zimeko ezinzima kuba kwenziwe izinto ezingahambelaniyo nenkolelo zabo zezopolitiko, yilonto bengaboni nkqubela phambili kumsebenzi ocacileyo.”
Ngelixa bebengekho epalamente, umbutho weEFF ubugcwele kumaqonga endaba kulolonke eli, iveki yonke.
● Kwisithili saseTshwane, usihlalo walangingqi uObakeng Ramabodu ukhokhele igqiza lakhe elingene ngetshiva kwiofisi zikasodolophu ophumayo uRandal Williams, benyanzelise amalungu esigqeba sika sodolophu ukuba aphume ngenkani. Kunyanzeleke ukuba kubizwe amapolisa kunye noo nogada kuba amalungu esigqeba sikasodolophu ebebanjwe ngezandla.
● Kumasipala ombaxa was’Ekurhuleni, inkundla kunyanzeleke ukuba ingenelele ukubuyisela esikhundleni usomlomo webhunga uRaymond Dhlamini owanyanzeliswa ukuba ashiye kwibhunga ngoo ceba bombutho weEFF.
● Kwi Dyunivesithi yaseKapa, isigqeba sabafundi sombutho weEFF (EFF SC) inyanzelise ledyunivesithi ukuba ibhangise zonke iinkqubo zokufunda nokufundisa kuleveki. Isikhalazo sabo? Kukuthathwa kwabafundi benziwe abasebenzi bale Dyuniversity.
● Ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yoKwindla, uJulius Malema ufunge ngelokuba umkhosi wakhe wenyawo uzakuzimisa ngxi iintshukumo kweli, kwinyathelo elibizwa “ngokumiswa kwentshukumo zoluntu kuzwelonke”.
“Ukumiswa ngxi kwee ntshukumo zoluntu kuzwelonke kuthetha ukuba akuzubakho sikolo, akufundwa kwii dyunivesithi, akhukho mashishini okanye imizi mveliso ezakube isebenza ngolwasuku. Yonke imigaqo engundoqo izakube ivaliwe, kuquka namaziko okungena kweli kunye nemigaqo esingise kwimida yeli izakube ivaliwe.
“Akukho zintshukumo zoshishino zizakube zisenzeka ngolwasuku, akukho ziloli, naloliwe uzakube evumelekile ezindleleni, nakwimizila, ingakumbi iiloli ezithutha izimbiwa zoMzantsi Afrika eziquka imineral kunye namalahle ziwakhuphela ngaphandle kweli, ngezibuko laseRichardsBay.”
UMalema uzibona esakha umkhosi wezopolitiko ongqwabalala wabantu abatsha beli.
Kodwa izicwangcwiso zakhe zokonakalisa uqoqosho lweli olusoko luntenga- ntenga azikuba luncedo kulutsha lweli lufumane eyona nto luyidinga kakhulu: imisebenzi.
Umfanekiso ongasentla: Inkokheli yombutho weEFF uJulius Malema egalaleka eqongeni apho umongameli uCyrila Ramaphosa ubelindele ukuthula intetho emalunga nobume besizwe.
Imvelaphi yomfanekiso: @EFFSouthAfrica