
Ngu Prince Azeel
Ngolwesihlanu kukhutshwe ingoma entsha kraca ka AKA ethi “Company” nalapho ebesebenzisana nezinye iimvumi, ukanti icwecwe leengomazakhe elibizwa iMass Country lijongwe ngamehlo abomvu njengoko lizakukhutshwa kwiveki ezayo.
Usapho lwakhe lubhengeze izicwangcwiso zokukhutshwa kwelicwecwe ngoLwesine.
Isigqibo sokuqhubeka kukhutshwe elicwecwe senziwa ngenjongo yokuhlonipha lemvumi yomrapper ilanduleleyo eli, ebulewe ngokungena lusini yindoda emdubule ngolwesihlanu umhla weshumi ngenyanga yoMdumba.
“Njengoko isizwe songanyelwe yintlungu yokusweleka kuka Kiernan AKA Forbes okothuse uninzi, usapho lakwa Forbes liwamkele amazwi ovelwano, inkxaso nothando olubonakaliswa ngabemi boMzantsi Afrika namazwe angaphandle.
“Olusapho luyaqhuba ukubhiyozela ubomi bonyana walo. Ukuhlonipha ilifa lakhe, bakhetha ukuqhubeka ukukhupha icwecwe lakhe elithi Mass Country ngomhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yoMdumba kulonyaka ka2023 njengoko bekucetyiwe,” itshilo imbalelwano ekhutshwe lusapho.
Lembalelwano iveze indlela uAKA awachitha ngayo leminyaka mibini idlulileyo esebenza kulemveliso yomculo, isongeza ngokuthi bekungumnqweno wakhe ukuba kukhutshwe nengoma yakhe apho asebenzisane no Kiddominant.
“Ngokomnqweno kaKiernan, kuzakukhutshwa ingoma ethi ‘Company’, [esebenzisana] nemvumi ekudala esebenzisana nayo engumhlobo wakhe uKiddominant, ebekelwe ukuba ikhutshwe kulo lwesihlanu umhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yoMdumba,”
Ngaphambi kokusweleka kwakhe okothusileyo, uAKA ubhengeze ukuba icwecwe lakhe lomculo lizakuphuma ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe ngenyanga yoMdumba.
“Kuleveki kwiqonga lomculo @applemusic Ingoma yeveki. Mamela ingoma ethi PRADA kwaye ubekise ukumamela icwecwe elithi #MassCountry livuliwe kwiqonga iApple Music ukuba liyeza ngokukhawuleza!!! Ngomhla 27/02/2023,” ubhale wenjenje kwikhasi lakhe likaInstagram.
Ngonyaka ka2018, wakhupha icwecwe lakhe lesine elididiyelwe kumzimveliso womculo. Elinesihloko esithi Touch My Blood, ngokusebenzisana noKiddominant, uJR, uOkmalumkoolkat, uL-Tido, uYanga Chief, uKwesta kunye noStogie T.
Emva kokubanjwa kwenkonzo yesikhumbuzo yalemvumi ngoLwesihlanu, inkonzo yomngcwabo yabucala ibekelwe uMgqibelo umhla weshumi elinesibhozo kulenyanga yoMdumba.
Umfanekiso ongasentla: UAKA esebenza kwicwecwe elithi Mass Country studio
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter