Eli lityeli likaBavuma lokuzibonakalisa

Ngu Boet Stander

ICricket South Africa, esele isenza iimpazamo ezininzi kutshanje, ibeke eyona ndoda ifanelekileyo ngethuba ibhengeza uTemba Bavuma njengoKapteni wemidlalo yovavanyo ezayo ezakuyidlala ne West Indies – kuquka nasemva nokuphela kwalemidlalo. 

UBavuma kwelinye icala wenze izigqibo esifanelekileyo ngokunikezela ngesikhundla sokuba nguKapteni wemidlao yeT20, emva kokohluleka ukuphumelela indebe zehlabathi amatyeli amabini, apho ilizwe loMzantsi Afrika lingazamnge likwazi nokufikelela kwimidlalo yokuhlungelwa ukungeni kwindebe yehlabathi. 

Ayingomdlalo wakhe. Akazange ayifumane imitsi, injalo nje; waphinda wavalela ngaphandle umdlali owayesemfuthweni uReeza Hendricks kwimidlalo yendlebe yehlabathi kunyaka ophelileyo, nalapho indima yabo yaphela ngehlazo lokohlulwa yiNetherlands eyayingena mfutho kwaphela. 

Imidlalo yovavanyo kunye nemidlalo yehlabathi iT20 yimidlalo eyohlukileyo nangona idlalwa ngezixhobo ezohlukeneyo. 

Indoda ethatha isihlalo sikaDean Elgar iyalwa, kwaye yindoda eyomeleleyo eyakhokhela eliqela liyotshabalalisa iqela eliqaqambileyo – elingenamdlali ungaphezu kweminyaka engamshumi amane – kwimidlalo oyothusayo ngempumelelo yawo ibetha iqela laseIndia, ekuliqela eligqwesileyo ngokomgangatho wokudlala kwalo. Ilizwe loMzantsi Afrika laphinda labetha iWest Indies kunye neBangladesh phantsi kolawulo lwakhe. 

Udumo lwakhe lwathanda ukuhla kwimidlalo eluthotho emibini exhuzula imikhala, ngethuba beqalisa bebethwa yiEngland kwalandela iAustralia izenzela kwiProteas. Wenza izigqibo ezingafanelekanga ebaleni, kunye nentetho awayezenza kudliwano ndlebe lukamabona kude zange zikwazi ukumnika umfutho ophumelela imidlalo. Ngethuba bedlala imidlalo yeseries yesizini ka2022/23 eAustralia iqela leProteas lalikhangeleka lidiniwe, libonakala kulelona libethiweyo ngaphambi nje kokuba lingene ebaleni.  

UElgar ufake amanqaku alishumi elinesithathu kwimidlalo yovavanyo iTest centuries, nalapho wadlala imidlalo engamashumi asibhozo anesibini, kwaye kulindeleke ukuba afake amanye amanqaku ongezelelweyo, kodwa isikhudla sika Kapteni simbuyisele umva. Ufikele kumanqaku angama26.8 njengoKapteni, ngelixa esifelela ku37.51 kwimidlalo yakhe yesakhono. 

UBavuma yena xa ethelekiswa noElgar, usajonge kwicentury yakhe yesibini. Kwaye imthwalise uxanduva. Noxakunjalo unawo umgangatho ofanelekileyo, indlela yokudlala kunye nesibindi. Ngoku lixesha lokuzibonakalisa alande ekhondweni. 

Umfanekiso ongasentla: UTemba Bavuma, nguKapteni omtsha wemidlalo yovavanyo yeqela loMzantsi Afrika.

Imvelaphi yomfanekiso: