
Ngu Anita Dangazele
Amantombazanana amabini azalwa kunye alwele ukusindisa imiphefumlo yawo kwisidlwengu senkwenkwe eneminyaka elishumi elinesithandathu kunye namadoda amabini ababencedisa esisidlwengu.
Umakhulu walamantombazanana unyanzeleke ukuba amamele izikhalo zabazukulwana bakhe becela uncedo, kungekho nto anokuyenza, kuba abarhanelwa bebemtshixele egumbini lakhe.
Esisiganeko senzeke ngokuhlwa kwangeCawa umhla weshumi elinesibini kwinyanga yoMdumba. Ngolwesithathu abahlali abangamshumi amathandathu bagaleleke kwinkundla kamantyi KwaNobuhle, betshisa amatayari bephethe amaxwebhu bememelela ubulungisa, kuba bebekholelwa ukuba umrhanelwa uzakufaka isicelo sebheyile.
Kwakulixesha lemizuzu engamashumi amabini emva kwentsimbi yesihlanu nge njikalanga yangeCawa, ngethuba intombi endala iphuma phandle ifuna ukubethwa ngumoya, ishiya usisi wayo omncinci nomakhulu bebukele uMabonakude. Uthe esahamba hamba phandle, lentombazana yadibana namadoda amathathu amnyanzelisa ukuba avule isango emkhombe ngompu.
“Bafikile bangena banyanzelisa ukuba ndibanike imali, kunye nemfonomfono emva koko bandinyanzelisa ukuba ndiye egumbini lam lokulala apho baye banditshixela ngaphakathi kulo,” utshilo lo makhulu.
Uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa indelelo ebephelelwe ngayo ngamandla kukuhlala emamele izikhalo zabazukulwana bakhe ebezimbangela intlungu engathethekiyo.
“Inye into ebendiyicinga, ngabazukulwana bam nento abazakubenza yona. Kungekudala ndiqalise ndeva izikhalo zabo ezibuhlungu ndayiva intliziyo yam yophukile,” utshilo lo makhulu ubebonakala exhelekile.
Ababarhanelwa bathathu, babanjwe kwangobu busuku bunye.
Umama wabantwana uthe abantwana bakhe babemtyelele ngalampelaveki, kwaye esisiganeko senzeke kanye emva kokuba ebashiyile.
“Intliziyo yam ibuhlungu. Bamgwaze esiswini mntwana wam omdala, zisinde kancici izintso zakhe. Intombi yam encinci isesesibhedlele njengoko esasilwanyana simdlwengule ngokungenalusini,” utshilo.
Ngoku woyikela ukhuseleko losapho lwakhe uthe: “Ngaba [umrhanelwa osisidlwengu] uthathwa njengomntwana, kodwa isimilo soburhalarhume besilwanyana asibonakalisileyo ngakubantwana bam, kufuneka athathwe njengomntu omdala.”
Ngolwesithathu, emva kwesisiganeko simanyumnyezi, abahlali bebevutha ngumsindo kuquka umama walamantombazana, babambe uqhankqalazo ngaphandle kwenkundla kamantyi KwaNobuhle.
Abahlali bavakalise ukukhathazeka kwabo yindlela yobulungisa yeli emva kwengxelo zokuba omnye wabarhanelwa, oneminyaka elishumi elinesithandathu ukhululwe wanikezelwa kugcino luka tatawakhe njengoko kuzakuqhutywa uphando oluphangaleleyo.
Noxakunjalo, isithethi seNPA kwiphondo leMpuma kapa uLuxolo Tyali uthe abahlali bave iindaba ezingezizo kuba umrhanelwa isilahlile isicelo sakhe sebheyile.
“Inkundla kamantyi KwaNobuhle kunyanzeleke ukuba ivalwe, bagoduke abasebenzi ngenxa yoqhankqalazo, ngenxa yolwazi olungelulo olufunyenwe ngabahlali oluthe umrhanelwa osemtsha ukhululelwe kugcino lwabazali bakhe. Ulwazi olululo lolokuba isiganeko esi asikabhaliswa, njengoko kukhona uphando ekufuneka lwenziwe, ngoko myalelo womtshutshisi,’ utshilo uTyali.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthe umrhanelwa oneminyaka elishumi elinesithandathu uselugcinweni lwamapolisa ebekwa ityala lokudlwengula, ukubetha njengoko nokonzakalisa kunye nokugqekeza, ngelixa abarhanelwa ababini abaneminyaka engaziwayo bebanjelwe ukugqekeza.
Ngokwe gunyabantu lezotshutshiso, umrhanelwa oneminyaka elishumi elinesithandathu, kufunyaniswe ukuba wayekhona kwisiganeko sokubulawa komntu esenzeka kumatyotyombe endawo yaseDubai KwaNobuhle, apho kwahlaselwa kwabulawa indoda ekhayeni layo ngenyanga yoMqungu kulonyaka umiyo.
Umfanekiso ongasentla: Abahlali basekariega abalugcwabevu ngumsindo beqhankqalaza ngaphandle kwenkundla kamantyi KwaNobuhle.
Imvelaphi yomfanekiso: uthunyelwe