
Ngu Songeziwe Mapukata
Sele kulixesha elingaphezu konyaka abahlali baseMampingeni eTabase, ngaphandle kwedolophu yaseMthatha bengakwazi kufumana iinkonzo ezungundoqo, ngenxa yokumoshakala komgaqo odibanisa ezilali zintlanu nedolophu ekufutshane.
Ebutsheni baleveki, abahlali balelali baluthathele ezandleni zabo uxanduva lokulungisa lomgaqo.
Wonke umntu uphose esivivaneni kuleveki ngethuba abahlali belungisa umgaqo odibanisa ilali ezingaphezu kwesihlalu kwidolophu ekufutshane nabo.
Ingxaki yaqala ngethuba izithuthi zika wonke wonke zingakwazi kungena kulelali ngenxa yokumoshakala komgaqo olimaza amatayari emoto zabo, nto leyo yathetha ukuba abahlali bazakuhamba ibango elide lee khilomitha ukuyofika kuhola wendlela uR61.
Lomgaqo umoshakeleyo ubangele nophazamiseko kwinkqubo yokufunda, apho ootitshala nabantwana besikolo bengakwazi ukuya esikolweni ngamanye amaxesha. Abantu abadala nabo bayasokola ukufikelela edolophini ngenxa yebango elide ekufuneka belihambile ukuze bakwazi ukufikelela kwizithuthi zikawonke wonke.
Abahlali banikele ngezixhobo zokwakha eziquka iiloli zabo, abanye banikela ngamashumi amahlanu eeRandi ilali yonke, ukuze abo banee moto ezinkulu kunye neeloli bakwazi ukuthutha amatye okulungisa umgaqo aziswe azolungisa umgaqo.
UFikile Magula ngomnye wabahlali abanikele ngeloli yokulungisa lomgaqo.
“Besingasakwazi kubukela abantwana besikolo nootitshala bephutha esikolweni, okanye ukubona abantu bethwele iingxowa zokutya emagxeni besuka edolophini ngenxa yokuba imoto azisakwazi kungena,” utshilo.
UMagula uthethe neqonga lendaba iScrolla.Africa ecacisa indlela ebebekhathazeka ngayo abahlali ingakumbi ngeentsuku ekunethayo ngazo.
“Abahlali balommandla uninzi lwabo ngabantu abalima imifuno. Ngoku besingasakwazi nokungenisa iganda ganda elalini ngoba ukuba isithuthi sakho sixinge eludakeni kufuneka usiyeke, ulinde kudlule iintsukwana emva kwemvula ukuze ukwazi ukusikhupha.”
“Abanye abantu bahleli nje emakhayeni abo, kwaye siyakhathazeka kuba kungenzeka bayalamba kuba bebaleka ukuhamba ibango elide beyothenga ukutya edolophini,” utshilo.
Kuleveki, bafumene umthoba ntliziyo abahlali xakuthethwa ngokusondela kwezidingo ezingundoqo, kwaye sibulela umsebenzi walamadoda.
Noxabesebenzile, imvula enangamandla into engapheliyo, kungenzeka imoshakalise umsebenzi wabo.
Umasipala wasekuhlaleni iKing Sabatha Dalindyebo khange ufune ukuphawula ngalenyewe de ube ufumene ingxelo kwicandelo leenkonzo.
Umfanekiso ongasentla: Indlela echaphazelekileyo
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe