Ungquzulwano phakathi kombutho weeTaxi nesebe lezemfundo lushiye abafundi bengakwazi ukuya ezikolweni

Ngu Buziwe Nocuze

Amawaka abantwana besikolo basele bedinga bengakwazi ukuya esikolweni ngenxa yokungavisisani kwesebe lezemfundo lephondo leNtshona Kapa kunye nombutho wezithuthi zika wonkewonke iCodeta.  

Sele kuphele iintsuku abafundi abaxhomekeke kwizithuthi ezihambisa abantwana besikolo, izithuthi zabucala kunye nabasebenzisa iibhasi bejikiswa kuthiwa mabagoduke kuba bevalwa ngumbutho iCodeta. 

Lombutho wezithuthi zikawonke wonke ufuna ukufumana isiniki maxabiso sokuthutha abantwana besikolo kwisebe lezemfundo.

Ukanti umphathiswa wesebe lezemfumdo wephondo leNtshona kapa uDavid Maynier ukugxekile ukuvalwa komgaqo okungekho mthethweni. Utyhola lombutho ngokuzama ukunyakathisa isandla kwizivumelwano zabo zokuthutha nokuzama ukufumana imali kwisebe. 

Umbutho weCodeta eKhayelitsha uthi uzamile ukuthetha-thethana nesebe ngenzame zokuba liyeke ukunika iziniki maxabiso zokuthutha abantwana kwiibhasi, kodwa zinikwe lombutho, kuba ubanga ngelithi nabo bangakwazi ukuwenza lomsebenzi. 

Yonke lemeko ibangele inkxalabo emandla kubazali kunye nabaqhubi. Uninzi lwabo bakhathazeke malunga nokhuseleko lwabantwana babo ukuba banokuthuthwa zizithuthi zetaxi.  

UMandisa Ntikinca ongumzali uvakalise ukuxhalaba: “Bafuna yonke into iye kubo. Bazokwazi njani ukuthutha abantwana bethu ngendlela efanelekileyo, ngoku besohlulwa kukuphatha abakhweli abangabantu abadala?”

Omnye wabazali uZikhona Mesi uvakalise ukukhathazeka kwakhe esithi: “Kufuneka balungise iingxaki zabo nesebe bangasibandakanyi thina kwiingxaki zabo.”

Umqhubi wesithuthi esithutha abantwana besikolo uMzukisi Nkonjane uthe akazukwenza mngcipheko ngokuthutha abantwana.  

Isithethi sombutho iCodeta uAndile Khanyi uthe kwintlanganiso eyayidibene kunyaka ophelileyo baxelelwa ukuba isicelo sabo singafezeka, kwaye abathunywa ababemele isebe kulaa ntlanganiso bacela ukunikwa ixesha kude kufike impelanyanga kaTshazimpuzi ukuze bakwazi ukuyinika ingqalelo.  

Noxakunjalo, emva kwentlanganiso yokuqala zange kuphinde kucetywe ntlanganiso ilandelayo.  

Emva kweentsuku eziliqela zokumiswa kweenkqubo zokuthutha abantwana, iCodeta ibhengeze ukuba izithuthi zikawonke wonke ezihambisa abantwanna kunye nezabucala zingaqalisa zithuthe abantwana ukusukela ngolwesine umhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yoMdumba. Kodwa iibhasi azivumelekanga, utshilo uKhanyi.  

“Sizakube sibathutha okwethutyana abantwana abebethuthwa zibhasi ukuya esikolweni, side sibe sifumana impendulo kwisebe lezemfundo.”

ICodeta ithe lombutho uzakuthutha abantwana simahla kude kube ngumhla wamashumi amabini anesithathu kuleyoMdumba, ngenzame zokunika isebe ixesha lokuba kuqaliswe kuthethwe kwakhona ukuze kufunyanwe isisombululo kulengxaki.  

Ithemba lelokuba isebe lezemfundo lephondo leNtshona Kapa kunye nombutho weTaxi bazofumana isisombululo kulengxuba kaxaka ngokukhawuleza, ukuze abantwana bakwazi ukubuyela esikolweni ngaphandle kophazamiseko. 

Umfanekiso ongasentla: Abazali nabaqhubi besithuthi ezithutha abantwana basinghise kwi ofisi zombutho iCodeta befuna imopendulo malunga nokuvalwa ngulombutho ukuthutha abantwana. 

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze