Umongameli uzakubeka umphathiswa wezombane

Ngu Zukile Majova

Umongameli uCyril Ramaphosa uzikhaba ngazo zombini izityholo zokuba ukubekwa komphathiswa wezombane kuzakongeza ukungaqondisisi mpela ngakubaphathiswa becandelo lezamandla abakhoyo ngoku. 

Ugxininise ngelithi ukholelwa ukuba umphathiswa kwiofisi kamongameli ozakube ejongene nombane uzakunceda urhulumente akhawuleze ukusombulula ingxaki kacimi-cimi wombane. 

“Umphathiswa uzakuba noxanduva lokuphumelelisa iziphakamiso ezikhokhelwe yikomiti ejongene nentlekele yezamandla iNational Energy Crisis Committee ukuze kupheliswe inkqubo yokucinywa kombane ngokukhawuleza.  

Kwaye lomphathiswa uzakunceda ukukhawulezisa inkqubo yokulungiswa kwamaziko okuphehla umbane kweli, aphinde abeke iliso koomatshini bokuphehla umbane abophukayo abangunobangela wokuba abemi beli bahlale kwisithoko thoko sobumnyama. 

Umongameli uthe kufuneka kubonakale iziphumo ngokukhawuleza kwaye oku kudinga “intlonko yezopolitiko ezakube ijongene nalomsebenzi kuphela, kungekho sidingo sokuba ahlulahlule ixesha lakhe phakathi kwemisebenzi emininzi ebalulekileyo”.

URamaphosa uthe lomphathiswa akazuba yinxalenye yeenzame eziqhubayo zokulungisa inkampani yakwaEskom, kwaye akazuba yinxalenye yegqiza lokuphucula imigaqo-nkqubo yezamandla kweli. 

“Umphathiswa wezombane uzakuba noxanduva lokujongana nenkqubo yokucinywa kombane imini nobusuku, esebenzisana noomanejala bakwaEskom kunye nebhodi elawulayo. Umphathiswa uzakube ekhokhele ikomiti iNational Energy Crisis kunye namasebe karhulumente ohlukeneyo ngokwendlela yorhulumento ngokubambisana. 

Umongameli uyiqinisekisile imibutho yabasebenzi kunye nabagxeki bakhe kumbutho weANC ukuba inkqubo entsha yemveliso zamandla esulungekileyo iJust Energy Transition ezakuxabisa i$8.5 billion ayizubangela ukuvalwa kwemigodi yamalahle. 

“Kufuneka siyisuse ingcingane yokuba siyayitshabalalisa inkqubo yokusetyenziswa kwamalahle ukwenza iimveliso zamandla. Sonke kufuneka sikhumbule ukuba izikhululo zamalahle zivelisa amamdla afikelele kumyinge ka80% wamandla, kwaye zizakuhlala zingundoqo kwimveliso enkulu yamandla kwingomso lethu.”

Umphathiswa wezamandla nezimbiwa uGwede Mantashe uzakuhlala enoxanduva lokuqinisekisa ukusebenza ngendlela kwecandelo lezamandla..

 Umphathiswa wamaqumrhu kaRhulumente uPravin Gordhan uzakuhlala emele abathathi nxaxheba benkampani yakwaEskom enoxanduva lokusindisa lenkampani ixabisa iR260 billion. 

Njengoko kusondela iinyanga zobusika, uMantashe uthe ukubekwa komphathiswa omtsha – ambiza ngokuba “ngumanejala wemisebenzi” – kulindeleke kwenziwe ngokukhawuleza.

Umfanekiso ongasentla: Umongameli uCyril Ramaphosa ephendula kwingxoxompikiswano ebibanjwe epalamente malunga nentetho emalunga nobume besizwe.  

Imvelaphi yomfanekiso: @PresidencyZA