Banyanzeliswa ukuba bazilele ukufa kweNkosi okanye bagxothwe

Ngu Celani Sikhakhane

Ixesha lokuzilela iinkosi zemveli e-Estcourt kwiphondo laKwaZulu-Natal eMidlands lize nemithetho engqingqwa.

UNkosi Zwelakhe Ndaba waseNtabamhlophe ubulawelwe ekhayeni lakhe kwiveki ephelileyo kwaye ukusukela ngoko, abahlali sele bexelelwe ngemithetho ekufanele bayilandele – kwaye kufuneka bayilandele kude kufike ixesha lomngcwabo. 

UNkosi Ndaba ulindeleke ukuba abekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo. 

Akukho ndoda ivumeleke ukuba inqwaze umnqwazi, akukhomtu uzakusebenzisa umhlaba nokuba wenza ntoni na, akukhomntu uzakungena egadini esenza nawuphi na usebenzi wezolimo, ukuvaswa kweempahla akwamkelekanga, akukhomntu uvumelekileyo ukuba aye ahlathini, nangasiphi na isizathu, le yeminye yemithetho nemiqathango ebekiweyo. 

Iqonga lendaba iScrolla.Africa lifumanise ukuba ngaphezu kwalemithetho ingqingqwa ibekiweyo, oonogada bebhunga leNkosi yemveli bagade kuzo zonke ilali eziphantsi kolawulo lukaNkosi Ndaba, ukuqinisekisa ukuba abahlali bayayilandela imithetho emisiweyo.  

Usomashishini wasekuhlaleni ocele ukuba angadizwa, uthe uninzi lwemithetho ebekiweyo ayisafanelekanga ukuba ibe iyamiselwa kwixesha langoku. 

“Eminye yalemithetho ikhangeleka ingqwabalala kwaye ixhaphaza kuba banye abantu abakwazi kwenza imisebenzi yabo yosuku nebangenisela imali. Ndinqwenela ibhunga leNkosi yendawo liyityelele lemithetho benze utshintsho oluthile, 

Ndixhalabile kuba abantu baxelelwa ukuba abayigcini imithetho bazakuhlawuliswa imali efikelele kwiwaka elinamakhulu amahlanu eeRandi”

Usihlalo webhunga iNdaba Traditional Council uMbongi Ndaba uthe, le yimithetho ekukudala yabakhona ilandelwe njengenxalenye yokuzila.  

Uthe ngonyaka ka1996 emva kokusweleka kwenkosi yeloxesha uNkosi Ndaba, lemithetho yayiqhuba kwaye zange kubekho zikhalazo zifumanekayo. 

UNkosi Nqabayezizwe Sithole ongusihlalo wendlu yenkosi zemveli kwisithili iThukela District apho ibhunga lakwaNdaba traditional Council lizinze khona uthe, akukhonto ingalunganga kulemithetho, kwaye iyalandelwa ukusukela kwixesha lamandulo rhoqo kukhona umntu olanduleleyo eli. 

Ukhumbuze iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba nangamaxesha olawulo likaKing Shaka kaSenzangakhona, ngethuba lokusweleka komama wakhe uQueen Nandi kaMhlongo waseLangeni, lemithetho yamiselwa abahlali ukuba bazilele ukusweleka kwakhe. 

Ngexesha lokusweleka kukaKumkani uZwelithini kaBhekuzulu, kwabhegezwa ukuba abantu mabaqhubeke nempilo zabo kuba iKumkani yayingafuni basalele ngasemva kwezoqoqosho ngenxa yokusweleka kwakhe.

Abafazi bakhe bayalelwa ukuba Bazile iinyanga ezintandathu kuphela. 

Umfanekiso ongasentla: Inkosi uZwelakhe Ndaba waseNtabamhlophe e-Escourt

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe