
Ngu Michael Madyira
Amaqela iKaizer Chiefs kunye neOrlando Pirates akazuba yinxalenye yamaqela azakudlala kumdlalo wokuvula iCAF Super League.
Lemidlalo yeSuper League ibekelwe ukuba iqalise ukudlala ngenyanga yeThupha apho kuzakube kudlala amaqela asibhozo kuquka iMamelodi Sundowns.
Ekuqaleni, yayingamaqela angamashumi amabini anesine alindeleke ukuba athathe inxaxheba, kodwa ngoku izakuqala kumaqela asibhozo ngaphambi kokuba ongezwe kwixa elizayo.
Ngokwengxelo yeqela iMTNFC ngamaqela aquka iPetro Atletico, iTP Mazembe, iAl Ahly, iHoroya SC, iWydad Casablanca, iSimba SC kunye neEsperance azakuba yinxalenye yeqela laMasandawana kulonyaka.
Indlela esetyenziswe yiCAF ukuchonga amaqela azakuba yinxalenye yolukhuphiswano lweSuper League yenze ukuba ibhodi elawula ibhola ekhatywayo kwilizwekazi iAfrika iphelise ukuba ilungu ngalinye lalombutho limelwe ngamaqela amabini nangaphezulu.
Oku kubekele bucala amaqela ahlonitshwayo kwilizwekazi iAfrika afana neZamalek, iRaja Casablanca, iEtoite du Sahel kunye neAS Vita.
Igosa leCAF liqinisekisile kwiqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba imidlalo yeSuper Cup izakuqala ngenyanga yeThupha nangona indlela ezakuqhuba ngayo lemidlalo isezakuqukunjelwa.
Iqela iOrlando Pirates lizakuba yinxalenye yababukeli nangona belifikelele kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwiCAF Confederation Cup kwisizini ephelileyo.
Kuleminyaka ilishumi idlulileyo, iqela lamaBuccaneer lifikelele kwimidlalo kamagqibela kanqoyi izihlando zazithathu kwimidlalo yokhuphiswano lwelizwekazi iAfrika.
Kuquka iintshatsheli ezikhusela isicoco sazo seConfederation Cup iRS Berkane azizuba yinxalenye yemidlalo yalonyaka yeSuper League.
Iqela leChiefs elafikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi kwimidlalo yeCAF Champions League kwisizini ezimbini ezidlulileyo, nayo izakuphoswa lithuba lokudlala kulemidlalo.
Ngokuphehlelelwa ngenyanga yeThupha kunyaka ka2022, ngenkxaso kaMongameli weFIFA uGianni Infantino oyichaze “njengembali”, ukumiliselwa kweSuper League kufike nemibono eyohlukahlukeneyo.
Oku kulandela ukungavisisani okumandla, okubangele ukuphelela emoyeni kwesicelo sokuba kuqaliswe iUEFA Super League apho umongameli weCAF uPatrice Motsepe ekhusela lentlobo yolukhuphiswano luzakuba lolwaseAfrika.
“Le yenye yemisebenzi ebaluleke kakhulu kwimvelaphi yebhola ekhatywayo yelizwekazi iAfrika, kwaye izakuba negalelo elimandla ukukhulisa nokuphuhlisa umgangatho wokhuphiswano kwibhola yaseAfrika,” utshilo uMotsepe.
Amaqela ebhola aseAfrika azakuzilungiselela ukuthatha isixamali esifikelele kuR1.8 Billion kolukhuphiswano.
Iqela leMamelodi Sundowns, indlela elidlala ngayo izakuvavanywa nangakumbi njengoko lilungiselela unyaka oxakekileyo.
Kungoku eliqela lilungelelanisa umsebenzi wokudlala kwintlobo zokhuphiswano zebhola yasekhaya kunye neCAF Champions League, ngoku iSundowns izakuba noxanduva olongezelelweyo xakuqala ukhuphiswano lweSuper League.
Umfanekiso ongasentla: Abadlali beqela iKaizer Chiefs
Imvelaphi yomfanekiso: Kaizer Chiefs