Usinde ekufeni ngosuku lokubhiyozela abathandanayo 

Ngu Doreen Mokgolo

Ngosuku lwezithandani uJohanna Lebaka uthathe isigqibo sokohlukana neqabane lakhe ebekade encuma nalo isithuba esingaphezulu konyaka, kodwa lona ligqibe ekubeni njengoko likunye naye akhomntu ungomnye ozakumfumana. 

Lendoda ineminyaka engamashumi amahlanu ibifuna ukuvisa ubuhlungu lowasetyhini ngendlela ezakumshiya enezibanda ubomi bakhe bonke – ugqibe kwelokuba amtshise nge acid ebusweni nasemzimbeni. 

Lo mrhanelwa usebenzise into engamanzi esetyenziswa ukutshisa ilindle kwizindlu zangasese eDuduza Ekurhuleni. 

Amehlo exhoba asindiswe zizibonakalisi ebezinxibile ngexesha lesehlo, kodwa ubuso bakhe butshe ngokumasikizi. 

Emva kwesisiganeko sihlasimlisa umzimba, umrhanelwa lo uzame ukuzibulala ngokusela le-acid. 

Kulapho kungenelele umntu ozibonele ngamehlo wamnqanda, kwanyanzeleka ukuba bajijisane ngalembombozi iqulathe le-acid. 

“Bekunyanzeleke ndikhawuleze ukumnqanda, kodwa ngelishwa ubesele eyiginyile enye yayo. Ubuso bakhe nabo bonzakele kwesisehlo,” utshilo uPaul Makubetsi oziboneleyo. 

Ezizithandani zibalekiselwe  kwiziko lempilo elikufutshane. Nalapho bafike badluliselwa kwisibhedlele iPholosong kwaye basekwimeko engaginyisi mathe. 

UMakubetsi wongeze ngelithi unoloyiko lokuba uzakuphulukana nokusebenza kwesinye isandla sakhe kuba uyabazi ubungosi bale acid. 

Unyana kaJohanna uTshepang Lebaka uxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba umama wakhe ebehambe nomfo wabo omncinci beyothenga amagwinya evenkileni, kwimizuzwana emva koko umve ekhala ecela uncedo. 

“Ndithe xandiphuma phandle ndiyoqonda ukuba kwenzeka ntoni, ndibabone besilwa, ndabe ndingazi ukuba kutheni kuba umrhanelwa uyindoda ethuleyo, enoxolo.”

“Uthe gqi emva kwakhe, wakwazi ukugalela nge acid. Simve ekhala esithi uyatsha, wabalekiselwa kwiziko lempulo elikufutshane,” utshilo. 

Isithethi samapolisa aseDuduza uSgt Nothando Mahlangu uqinisekisile ukuba baphanda ityala lokuzama ukubulala. 

“UMrhanelwa ubanjiwe kwaye uphantsi kweliso lamapolisa, kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kaMantyi emva kokuba ekhutshiwe esibhedlele,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: UPaul Makubetsi oziboneleuyo esisiganeko. 

Imvelaphi yommfanekiso: NguDoreen Mokgolo