
Ngu Celani Sikhakhane
Indlu yobukumkani baMampondomise ikwinkqubo yokuvuselela ubukumkani bayo, obatshabalala ngonyaka ka1818.
Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa uAdvocate Sonwabile Mangcotywa ubhengeze ukuba bagqibe kwelokuba bamanye kwaye bavuselele isizwe saMampondomise phantsi kukaKumkani uZanozuko Matiwane.
Eyona nto ibalulekileyo ngemibhiyozo ezakube ibanjwe kwinyanga ezayo kukuvuselela obubukumkani, kukwamkela unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula oyinzalelwane ka Kumkani uMajola. UMbalula uzakube ehlonitshwa kumnyhadala wokubuyela ekhaya.
Ubukumkani baMampondomise batshabalala kwakuthatha iintambo uKumkani uMhlontlo.
UMhlontlo wabayiKumkani yokugqibela yaMampondomise emva kwecekumkani eziquka uMatiwane, uMajola, uNtoso, uNgxwisi kunye noNjanya.
“Elikhondo silithathayo lijonge ukuba liphinde lihloniphe inzala yethu ethe yaba negalelo kumzabalazo welilizwe.”
“Yilonto siceba ukuba sibenomnyhadala wokwamkela ekhaya sihloniphe unobhala jikelele wombutho weANC uFikile Mbalula oyinzalelwane yendlu enkulu yaMampondomise akwa Majola. Kuthi lixesha elibaluleke kakhulu eli, lokuba sibuyela emva sivuselela ubukumkani bethu.”
Uthe ngexesha lombuso wamakoloniyali, uninzi lwaMampondomise atshona kwelaseFree State ekhangela imisebenzi, nto leyo yabangela ukuba ooMbalula bazalelwe kwelacala. Kodwa uthe, zange bayilahle imvelaphi yabo.
Uthe izicwangciso zokubhiyozela uMbalula, zenziwa kudala kuba ungunyana wabo.
Ngomhla weshumi elinesixhenxe kwinyanga yoKwindla kuzakubanjwa isifundo sasesidlangalaleni malunga nemvelaphi yaMampondomise, ezakube ibanjelwe kwiholo iTsolo Junction.
Ngomhla weshumi elinesibhozo kwakweyokwindla, kuzakuqhuba umsitho wolwamkelo lukaMbalula ebuyela ekhaya, ozakube ubanjelwe kwiKomkhulu lakwaMatiwane Great Palace kwiphondo leMpuma Kapa eKroza.
Umfanekiso ongasentla: UAdvocate Sonwabile Mancotywa ebhengeza ukuba iKomkhulu laMampondomise likwinkqubo yokuvuselela ubukukani bawo obatshabalala ngeminyaka yo 1881.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaTwitter