Igqiyazana elingevayo alinantanga kwezomdaniso

Ngu Nkhensani Mthombeni

UZondi Khosa uphila nokungeva, kodwa oku akubanga ngumqobo kuthando lwakhe lomdaniso oshiya uninzi lumangalisekile.

Xa abantu bembukele edanisa eqongeni bayamangaliswa kukufumanisa ukuba uphila nenkubazeko yokungeva, kwaye akakwazi kuthetha.  

Kwinyanga ephelileyo uKhosa oneminyaka engamshumi amathathu anesixhenxe ubeqaqambile kwiqela lomdaniso laseLimpopo iXibelani Dancing Group nalapho bekubhiyozelwa usuku lika zwelonke lamapolisa ePolokwane. Ukanti ungumonwabisi othe gqolo ukonwabisa kwimisitho yeenkonzo zesipolisa. 

UKhosa, ngumama kumakhwenkwe amabini, osuka kwilokishi iNamakgale eLimpopo kwaye ngumsebenzi gabalala kwisikhululo samapolisa iLulekani. 

Ukholelwa ukuba wazalelwa “ukubonakalisa ubungangamsha bukaThixo” ngomdaniso wakhe.  

Udadewabo omdala uNkhensani Nkopane uxelele iqonga lendaba iSrolla.Africa ukuba uKhosa waqala ukubonakalisa ukuthanda ukudanisa esengumntwana omncinane.

“Wayesoloko edanisela umculo, kwaye sasingazi ukuba uwuva njani,” utshilo.  

“Ekuhambeni kwexesha safumanisa ukuba udanisela umculo okhalela phezulu kuphela, kwaye ibe ngumculo onebhesi. Usixelele ukuba umculo uwuva ngesingqi kwaye siso esimkhokhelayo ukuba enze umdaniso wakhe okhethekileyo.”

UNkhensani uthe umntakwabo omncinci unaso isakhono nakwezemidlao kwaye uqhuba kakuhle kakhulu nakukhuphiswano loonobuhle.

Njengomfundi osemtsha kwisikolo sabantwana abaneemfuno ezikhethekileyo, iLetaba Special School wayemele ilizwe loMzantsi Afrika kwilizwe laseRome njengembaleki ephila nokukhubazeka.  

Uphinde wafumana iwonga lokuba ngumgqatswa okwindawo yesithathu (Second Princess) kukhuphiswano luka Miss Mopani District kunyaka ophelileyo. 

Umfanekiso ongasentla: Zondi Khosa showing off her dancing skills 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe