Zizakuwongwa ngokumandla iimbaleki kumdyarho iDurban International Marathon

Ngu Thathe Msimango

Iyaphendulwa imithandazo yeembaleki zelizwe loMzantsi Afrika, kancinci kancinci kuyafikwa entanjeni. 

Kwiveki ephelileyo, abaququzeleli bomdyarho iDurban International Marathon bebebambe inkomfa noonondaba malunga nokulungela ukubamba lomdyarho ozakube ubanjwe unyaka wesithathu womgama we 42km obanjwa minyaka le eThekwini njengoko kusele iintsuku ezingamashumi amathathu kuphela. 

Lomdyarho ubekelwe ukuba uqhube ngomhla weshumi elinesibini usuka ngaphandle kwamasango akwaToyota Isipingo kwaye uzakuphelela ngaphandle kwamasango ebala lemidlalo iMoses Mabida. 

Lomsitho weembaleki ubonakalisa ezona ndawo ziqaqambileyo kwisixeko saseThekwini ukusuka kwindawo zeemveliso, ukuya kwizibuko zaselwandle, indawo yolonwabo iShaka Marine World kunye nesikhululo senqwelo-ntaka iVirginia Airport. 

Imbuyekezo yalomdyarho iza nesixa mali, nezinye izipho ezinomtsalane kwiimbaleki ezikwazileyo ukuba zifezekise amadinga athile kulomdyarho.  

Ukanti kukhe kwakhona isikhalazo sokuba iimbaleki kweli azihlawulwa mali ininzi njengamanye amacandelo ezemidlalo njengoko imidyarho ingahlawuli mali inkulu. 

Iqumrhu iDurban International ibeke elangeni imali efikelele kumashumi amahlanu amawaka eeRandi ezakuphunyelelwa kumdyarho wamadoda nezakuphunyelelwa kumdyarho wamanina. 

Njengoko lomdyarho uzokwenziwa ngentsebenziswano neAthletics South Africa (ASA) marathon championship, eliqumrhu longeze imali engamashumi amabini anesihlanu amawaka eeRandi ezakuwongwa yimbaleki nganye efike kuqala entanjeni kumanina namadoda elizwe loMzantsi Afrika. 

Ukanti iASA yongeze imali elikhulu lamawaka ebekelwe bucala ukuwonga imbaleki nganye kumanina namadoda yalo neliphi ilizwe eyohlue irekhodi leNational Marathon.

IRekhodi lembaleki ehamba phambili kumadoda eli ime kwixesha eli zi-yure ezimbini, imizuzu emithandathu nemizuzwana engamashumi amathathu anesithathu (2:06:33) ekulirekhodi elatyikitywa ngu Gert Thys ephumelela umdyarho wangonyaka ka1999 eJapan.  

Kwelinye icala uGerda Steyn ubambe irekhodi lamanina apho waphumelela lomdyarho ngexesha lee yure ezimbini, imizuzu engamashumi amabini anesihlanu kunye nemizuzwana engamashumi amabini anesibhozo (2:25:28).

Ngaphandle koku, abaququzeleli babhengeze ukuba babekele bucala imali efikelele ku$10,000 (malunga ne R170,000) ezakuwonga inina lokuqala  nendoda yokuqala abakwaze ukubaleka bafikelele kwixesha elimiselwe ukuba ibelilo ezakungenisa imbaleki kumdyarho we olimpiki zonyaka ka2024.  

Imbalwa kakhulu imidyarho ebhatala isixa mali esikhulu kunesi kwaye konke kusezandleni zembaleki ukuba zilwele ukufumana lemali. 

Isixamali esifunyanwa yimbaleki ephumelele umdyarho weComrades Marathon iba ngamakhulu amathathu namashumi amabini amawaka eeRandi, umdyarho we Two Oceans , iCape Town marathon kunye neSoweto Marathon zona zibhatala imbaleki ephume phambili amakhulu amabini anamashumi amahlanu amawaka eeRandi, ukanti umdyarho iPrince Mangosuthu we52km ubhatala ikhulu lamawaka eeRandi kwintshatsheli ehamba phambili.  

Kwilizwe elinemidyarho engaphezu kwamakhulu amathathu ngonyaka, nalapho uninzi lwembaleki zixhomekeke kwimali eziyiphumelela kulemidyarho ukuze ziphile, kulilishwa ukuba incinci ngoluhlobo imali ebekwa etafileni ebekelwa ezimbaleki. Masithembe ukuba abaququzeleli bemidyarho bazakulanda ekhondweni leDurban International banikezele ngamabhaso ahlukeneyo kwiimbaleki eziphumeleleyo. 

Umfanekiso ongasentla: Umdyarho iDurban International Marathon 

Imvelaphi yomfanekiso: Webtickets