Uqamele ngenqindi eziseleni umanejala orhwaphilize iR3.7m kwi-ofisi yenkulu baphathiswa yephondo laseKZN

Ngu Zukile Majova

Sele kuphele iminyaka engaphezulu kweshumi, umrhwaphilizi oqeshwe njengo manejala engenaso nesakhono esebenza kwizikhundla eziphezulu kurhulumente wephondo laKwaZulu-Natal kungekho namnye umntu oqaphelayo ukuba akanaziqinisekiso zezifundo azenzileyo.

Abaphathiswa abafana noZweli Mkhize, uSenzo Mchunu, uWillies Mchunu kunye noSihle Zikalala zange babone ukuba banomanejala ongenaziqu, ongawaziyo umsebenzi wakhe kwaye ongafanelekanga kubasebenzi babo.

Phakathi konyaka ka2010 no2019, wayeqeshwe njengomanejala wemisebenzi ye-ofisi yenkulu baphathiswa emva kokuba efake iziqinisekiso zemfundo zobuxoki.

Kukhangeleka ngathi lomsebenzi uneminyaka engamashumi amane, waluphumelela emagqabini udliwano-ndlebe lwakhe watsho wazifumanela lomsebenzi.

Ngonyaka ka2019, wafaka isicelo somsebenzi kwisithuba sikasekela mlawuli kwaye isicelo sakhe saba yimpumelelo.

Ngethuba esenza lomsebenzi, isebe lemisebenzi nolawulo lukarhulumente iDPA yaba nesikrokro kuba wathatha ixesha elide ukuba aveze amaphepha afanelekileyo aziziqinisekiso zezifundo zakhe, hayi ashicilelweyo. Kwiminyaka edlulileyo, wayeshicilela eziziqinisekiso, anyobe abaqinisekisi ukuba bamfakele izitampu ngaphandle kokuveza amaxwebhu afanelekileyo.

Amalungu ebutho lookhetshe eKZN ayibambile lendoda ngoMvulo, emva kokuba isebe leDPA limbeke ityala kwisikhululo samapolisa ePietermaritzburg.

UCaptain Simphiwe Mhlongo uthe: “Kufunyaniswe ukuba iziqinisekiso zezifundo zakhe bezibubuxoki, kwaye kumiliselwe imigaqo yokuqondisa izigwegwe. Iofisi yenkulu baphathiswa yebelwa imali engaphezu kwezigidi ezintathu (R3 720 422) kwaye kuvulwe ityala lokwehlisa imali ngomlenze kwisikhuluo samapolisa ePietermaritzburg. Elityala lanikezelwa kwibutho lokhetse ukuba liphandwe kabanzi.”

Umrhanelwa lo kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yesithili sasePietermaritzburg ngomhla weshumi elinesithandathu ngenyanga yoKwindla.

Ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka2021, yayingumyinge ongaphezu kwamashumi amathathu anesihlanu epesenti yabasebenzi abakwizikhundla zoomanejala kurhulumente weli ababengenazo iziqinisekiso zezifundo ezidingekayo emisebenzini yabo..

“Xakuphela inyanga yoMqungu ngonyaka ka2022, elinani lali sele lihle ngomyinge wepesenti ezilishumi, layakutsho ngaphezulu kwepesenti ezingamashumi amabini anesihlanu. Kungoku nje iziqinisekiso zezifundo zoomanejala abangamawaka amabini anamakhulu amane aneshumi elinesibini kubasebenzi abangamawaka alithoba namakhulu amathathu anethoba aziveli kwinkqubo ka Persal esetyenziswa ngurhulumente.” utshilo umphathiswa wesebe lemisebenzi nolawulo kurhulumente uThulas Nxesi exelela iPalamente.

Ufanekiso ongasentla: Ibutho lookhetse libopha umrhanelwa

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook lenkonzo yesipolisa