
Ngu Lungani Zungu
Umdyarho wokuphumelela ulawulo lwee wadi ezine kulindeleke ukuba luxhaphis’ amagwebu njengoko kuzakubanjwa unyulo lovalo zikhewu kwiphondo laKwaZulu-Natal nephondo leNtshona Koloni.
Ngabagqatswa ababini abazimeleyo, kunye nabalishumi elinesibhozo abasuka kumaqela ezopolitiko ohlukeneyo abagacele izikhundla zolawulo kweziwadi.Umbutho weANC ophulukene neewadi ezingundoqo zisohluthwa ngumbutho weIFP kulonyulo lovalo zikhewu lwakutsha nje – ulwela ukuba ungaphulukani nolawulo lombutho lakwa wadi 4 phantsi komasipala wasekuhlaleni uMtubatuba. Le wadi yasala ingenamntu emva kokosula koceba wombutho weANC uNondumiso Zuma ngenyanga yeNkanga.
Kangangokuba igquba zilwelwa iivoti kule wadi, phezolo (NgoLwesibini) umbutho weANC utyhole umbutho weIFP ngokuzama ukuphembelela owasetyhini osele ekhulile ukuba avotele iIFP ngethuba kuqhuba uvoto olukhethekileyo.
UMandla Kunene wombutho weANC uqubisana noKenneth Mngadi weEFF, uNtokozo Mtimkhulu weIFP kunye noThokozani Zungu weUnited Christian Democracy Party (UCDP).
Abavoti abathatha inxaxheba kuvoto loorhulumente basemakhaya ngonyaka ka2021 yaba ngumyinge ka40.44%.
Olunye ugqatso oluzakutshisa ibunzi lulindeleke kwa wadi 31 phantsi koMasipala wasekuhlaleni iNewcastle, apho umbutho iTeam Sugar South Africa (TSSA) usebenzise onke amandla onawo ukuqinisekisa ukuba ayiphulukani nolawulo lwale wadi – kuquka ukuphisa ngezipho kubahlali.
Namhlanje abahlali bamnkele izipho ezifana neebhedi zedouble, izishushubezi zasekhitshini, izikhenkcezisi kunye nezitovu ebebeziphisa yinkokheli yombutho iTSSA uMusa “Shukela” Thwala.
Iziphumo zovoto lakwa wadi 31 zizakubonakalisa ukuba ngowuphi umbutho phakathi kweANC kunye nolawulo lwendibanisela ekhokhelwe ngumbutho iIFP, ozakukhokhela lomasipala osele ulawulwa yindibanisela ekhokhelwe yi IFP isebenzisana neTSSA. Ulonyulo lovalo zikhewu luza emva kokusweleka koceba wombutho iTSSA uNokusa “Mroza” Khumalo ngenyanga yeNkanga.
Umbutho weIFP neTSSA zivumelene ngokuxhasa uSindisiwe Mashazi weTSSA.
Umbutho weIFP unyanzeleke ukuba uxhase uMashazi weTSSA, irhoxise umgqatswa wayo uMxolisi Mkhwanazi emva kokuba lemibutho ifikelele kwesisivumelwano.
Umgqatswa ozimeleyo uNkosingiphile Shabalala, naye ujonge ngamehlo abomvu esisikhundla kunye noNkosinathi Vilane wombutho weANC kunye noLinda Mnguni wombutho weEFF.
U Wadi 6 phantsi komasipala iCederberg kwiphondo leNtshona Kapa luyaqhuba uvoto lovalozikhewu namhlanje. Le wadi inabagqatswa abaquka uAndre Mounton omele iCederberg First Residents Association (CFRA), ebisoloko ixhuzula imikhala kule ward de wabe uceba wayo uyashiya esikhundleni sakhe, nto leyo ivulele ukuba kubekhona ulonyulo lovalo zikhewu.
UPaul Wynand wombutho weANC, uMarlene Zass weEFF kunye noThomas Francois Waldeck wombutho iPA bonke bajonge esisikhundla solawulo kule wadi.
Ulonyulo lovalo zikhewu lokugqibela, lubanjwe kwa wadi 5 phantsi komasipala iAgulhas. Le wadi ilawulwa ngumbutho weDA, eyasala ingenaceba emva kokuba lombutho wabhangisa ubulungu boceba wayo.