
Ixesha elongezelelweyo: Ikamva lomdlali oqaqambileyo weqela iMamelody Sundowns uCassius Mailula kungenzeka libe seEurope; kodwa kufuneka akhuliswe ngokufanayo noBenni MacCarthy, kubhala uMicheal Madyirha.
Sele kulixesha ilizwe loMzantsi Afrika lisokola ukufumana umdlali onokubekelwa kwinqanaba lehlabathi.
Umdlali odlala ngokupheleleyo kukhuphiswano lweUEFA Champions football okanye kwindebe eziphambili ngokukhuphisana kwihlabathi liphela kwaye ebonakala edlala esemfuthweni ngalo lonke ixesha.
Umdlali ozakukhuliswa njengabadlali abaqaqambileyo bamandlulo abafana noBenni McCarthy, uSteven Pienaar, uLucas Radebe, uShaun Bartlett, uSiyabonga Nomvethe noAaron Mokoena.
Kodwa kuvele umkhwa oxhalabisayo okhangeleka ugqugqisa kuleminyaka apho abadlali abaqaqambileyo beBafana Bafana bengahlali xesha lide eEurope. Abanye babuyela ekhaya bengekafikeleli nakwiminyaka engamashumi amabini anesibhozo.
Noxakunjalo, umdlali othembisayo onokufikelela kwizinga labadlali bamandulo ababeqaqambile ufumanekile kulesizini.
Imfolosi yeqela leMamelodi Sundowns uCassius Mailula ubengoyena mdlali uthethisa ngokumandla ukufika kwakhe kwisigaba sePremier Soccer League (PSL) kule season.
Ukuzakuthi ga ngoku, ubonakalise umfutho omkhulu wokuba angaba ngumdlali omkhulu, kwaye ophambili kwibhola ekhatywayo yoMzantsi Afrika.
Kunokwenzeka kusekutsha ukuqalisa ukuba lula kulomdlali uneminyaka engamashumi amabini ananye njengomdlali oqaqambileyo, kodwa ubonakalisa iimpawu zokuba uzakuba ngumdlali oqaqambileyo.
Kwiinyanga nje ezintlanu efikile kwisigaba sePSL njengomdlali ongaziwayo, uMailula sele ejonge imbasa yeGolden Boot award.
Kulindeleke ukuba abizwe kwiqela leBafana Bafana ukuze afumane ulwazi oluphangaleleyo, kwaye ukuba ukwazile ukuthatha umfutho wakhe obonakale kwiPSL awubonakalise nakwimidlalo yeCAF Champions League, ngethuba ezibonakalisa njengomdlali obalulekileyo kwiqela leSundowns.
Iveki neveki uyazibonakalisa ukuba unawo umfutho wokuba afikelele kwisigaba ekwafikelela kuso uMcCarthy noogxa bakhe.
Kwaye, nditsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba kulapho abhalele khona.
Kodwa izakuba ngumnqantsa ukufikelela apho, kwaye kuninzi ekufuneka akwenze ukufikelela kwesosigaba.
UMailula kungenzeka udinga isizini enye okanye ezimbini edlala kwiPSL, ngethuba edlala kwimidlalo ekwinqanaba eliphezulu yebhola ekhatywayo eAfrika ukuze azuze ulwazi oluphangaleleyo.
Ukuba uyaqhuba edlala ngomfutho akuwo okanye awonyuse, ngaphandle kwamathandabuzo ukumka kwakhe kwiqela leSundowns kufaneleke abe uya kwimidlalo yePremier League, iBundesliga, iLigue 1, iLa liga okanye iSerie A.
Ukusukela apho, angakwazi ukuba ngumdlali oqhwaqhwazelisa amaqela aphikisayo akwisigaba sehlabathi ngokufanayo nokwenziwa nguMcCarthy nabanye abafana naye.
Ukuba kuyenzeka abuyele kwisigaba sePSL, kufuneka ingabi kukuba udlale kakubi phesheya kwelwandle, kodwa abuyele ekhaya ezothatha umhlala phantsi ngokufanayo noMcCarhy, uPienaar kunye noMokoena.
Umfanekiso ongasentla: UCassius Mailula
Imvelaphi yomfanekiso: Mamelodi Sundowns