
Ngu Khaya Ndaba
UThamsanqa Majela wayedla ngokudoja esikolweni eMamelodi, akhethe ukuba ayofunda izifundo zomxhentso wesiZulu.
Ngoko, yayingunyaka ka2004. Kodwa ngoku ngonyaka ka2023, uThamsanqa ubonakalisa umsebenzi wakhe kwiqonga lemidlalo iJohannesburg Theatre, apho ezakube esenza umxhentso oveliswe nguye omalunga namasiko kunye neenkolelo ngokomoya.
Lo ngumntu omtsha owaphumelela imbasa yeStandard Bank Young Artist Award winner yonyaka ka2022/23, kwaye wenza umxhentso weentlobo ezohlukeneyo elilungu eliziqhenyayo ngokuba lilungu labo bathandana nesini esinye iLGBTQ+ community.
Imveliso yakhe ezayo ibizwa ngokuba yiSiren, kwaye izakube iboniswa kumnyadala oseConnecting Streams Theatre Festival ozakuqala ngomhla wesibini ukuya ngowesine kwinyanga Yokwindla.
Lo ngumxhentso othatha imizuzu engamashumi amabini anesihlanu, owakhuthazwa yimiboniso yamaGrikhe esekelelwe kumasiko abo, ngokwenza imiboniso efana nabantu ezinze emanzini iloba abantu ukuba basindele ngoncuthu lomculo.
Kulomsebenzi uThamsanqa usebenzisana noThuli Binda, ongumdanisi wexesha langoku oqeqeshwe kwisikolo iSiwela Sonke Dance Theatre.
Uzakube eyintloko yomdaniso kunye nebali. Le mveliso ijonge imiceli mingeni ekhoyo ekuhlaleni efana nokuxhatshazwa okusekelelwe kwisini, iinkolelo ezayanyaniswa nokuba ngowasetyhini kunye nokutshintsha-tshintshwa kwamandla.
“Ndifuna ukubona ilizwe elohluke kwaphela, ndithathe yonke into endichaphazelayo ngokokuhlala, nangokwezopolitiko, ndibalise ibali lendawo esikuyo ngoku nendawo esijonge kuyo,” utshilo.
UThasanqa usebenza nabantu abakwicandelo lenkcubeko beli kunye nabamazwe ehlabathi kuquka uKeaoleboga Seodigeng, uDaada Masiloo kunye noManaho Shimokwawa.
Ungumdanisi, umqambi wemidaniso, ungutitshala ofundisa izifundo zokudanisa kwaye unegalelo kwiqumrhu lomdaniso kweli iSouth African Dance Alliance.
Ukukhula kwakhe uMajela wayesoloko enothando lokuxhentsa. Wafunda unyaka omnye kwinkqubo yomxhentso eState Theatre apho waye lola khona isakhono sakhe sokudanisa, kwaye wafunda nendlela ezintsha.
UMajela wafumana inkxaso mali yokufunda eBrussels, eBelgium, kwisikolo iPerfoming Arts Research and Training Studio ( PARTS).
Waziwa kakhulu kwimveliso ezifana neLast Supper, SPACTRAL, kunye neMommy Mommy.
Umfanekiso ongasentla: NguThamsanqa Majela
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe