Bathi izinciphisi-santya ngumgibe wokufa abahlali baseKapa 

Ngu Buziwe Nocuze


Abahlali baseLower Crossroads eKapa bakhala ngelithi oko kwafakwa izinciphisi-santya kwiindlela zabo, ubundlobongela kwezindlela bukhule nangakumbi.

Batyhola ngelithi ezizinciphisi santya zinika izikrelemnqa ithuba lokuqweqwedisa iimoto zabo kuba zihamba ngesantya esiphantsi.

Kungekudala, umqhubi wohlobo lwesithuthi iAvanza uMsindisi Gumede ukhuthuzwe ekhonjwe ngomkhono wekati kulomgaqo ufakwe izithobisi santya, ehamba ngesithuthi sakhe kunye nabakhweli bakhe bazibonela ngamehlo.

Abanye abaqhubi bezithuthi baxelele iqonga lendaba iScrolla.Africa ukuba isixeko saseKapa bekufanele sijonge ukulungisa ezinye iingxaki ezifana nokulungisa imibhobho evuzayo ehambisa ilindle, endaweni yokuba kwakhiwe izinciphisi santya emgaqweni.

Noxakunjalo, ilungu lesigqeba sekomiti kaSodolophu waseKapa uRob Quintas ubanga ngelithi, izinciphisi santya zacelwa nguceba wale ward njengomlomo wabahlali. Uthe zakhiwe ukukhusela abahlali ingakumbi abahambi ngeenyawo, abantwana besikolo ncakasana.

“Okuxakayo kukuba izinciphisi santya eziseNgqwangi zikufuphi nesikhululo samapolisa iPhilippi East, kwaye abantu balindele ukuba ubukho besikhululo samapolisa kulommandla kufanele bunciphise iziganeko zolwaphulo mthetho,” utshilo.

Kwindawo ebihleli inezinga eliphezulu lolwaphulo mthetho, bekungekho sidingo sokuba kufakelwe izinciphisi santya, utshilo omnye umhlali.

“Izikrelemnqa zinentlahla kakhulu, kuba isixeko saseKapa sinegalelo ekubeni sibe zizisulu zolwaphulo mthetho. Ndiba nomsindo ngalo lonke ixesha xa ndifika kuzo,” utshilo.

Abanye abahlali kuquka uZimbini Ntlangulana bayayithanda into eyenziwe sisixeko: “Abaqhubi beAvanza basoloko beqhuba ngesantya esiphezulu, bangabatshayisa nanini na abantwanna bethu.”

Ukanti ezizinciphisi santya ziphinde zakhiwa kufuphi nesikolo sabantwana abancinci iMakukhanye Educare, ezinye zakhiwa kumantla esikolo samabanga aphantsi iKwa-Faku primary kumgaqo iNgqwangi, ngeenzame zokukhusela abahambi ngenyawo abasemngciphekweni kwiimoto ezihamba ngesantya esiphezulu, abafana nabafundi.

Umfanekiso ongasentla: Abaqhubi bezithuthi ezohlukeneyo abasiboni Isidingo sezinciphisi santya ezakhiwe sisixeko

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze