
Ngu Buziwe Nocuze
Abahlali bamatyotyombe eKTC eKapa basele bengenamakhaya emva kokuba umlilo utshabalalise amatyotyombe abo ngenjikalanga yangoMgqibelo.
Lo mlilo ungaqondakaliyo uqale menva kwesiponji ebesimiswe ngodonga lwendlu, kuba kuvulelwa abantu indawo emva komngcwabo wowasetyhini oneminyaka engamshumi amahlanu anesihlanu osweleke elele.
Ibizintsapho kuphela abantu abebegaphakathi kwelityotyombe ngethuba omnye wabo ebona lomlilo, wazama ukuwucima ngebhakede yamanzi.
Ngelishwa, lo mlilo ubumkhulu kakhulu kwaye unwenwa ngokukhawuleza, ngethuba ucinywa ubusele wonakalisile eKTC, ushiya abantu abangaphezu kwekhulu bengenandawo zokufihla iintloko.
USylvia Mgutywa ushiye ityotyomne lakhe imizuzu nje emibini ngethuba kuqalisa lo mlilo.
“Bendiye endlini yomhlobo wam kwakulommandla ngethuba ndifumana umnxeba ondixelele ukuba mandikhawuleze ndibuyele kwityotyomnbe lam,” utshilo uSylvia.
Besele konakele, khange akwazi ukusindisa impahla zakhe.
UMgutywa uxelelwe ukuba umlilo uqale emva kwesiponji kwityotyombe elikufutshane.
“Wonke umntu obengaphakathi kwelityotyombe usibonile isiponji siqala ukuvutha, kodwa umlilo ubungalawuleki,” utshilo.
“Ibingengomlilo uqhelekileyo. Ukuba ibingoqhelekileyo bebezokwazi ukuwucima ngaphambi kokuba wonakalise amatyotyombe ethu. Ukuzama ukuwulawula lomlilo kuwenze wangalawuleki nangakumbi.”
Akukho mntu ugxeka olwasapho.
“Asibagxeki, siyayazi ukuba ezizinto ziyenzeka – akukho mntu unokukwazi ukucima umlilo wemimoya emdaka,” utshilo.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lifike ngecawa abahlali bezama ukuvusa amatyotyombe abo ngamazinki atshileyo.
Iqumrhu leGift of the Giver linikezele ngezinto zokuhlamba, amanzi nokutya.
“Siyayibulela inkxaso yeGift of the Givers. Besingazi ukuba sizotya ntoni, kuba silahlekelwe yinto yonke ebesinayo,” utshilo uSylvia.
Uceba wakwa ward 38 uSuzan Zumane uthe akuxelelwa ngalomlilo, wakhawuleza waya kufika kulommandla ngesithuba sentsimbi yesithandathu ngokuhlwa.
“Umlilo ubusele unamandka, ungalawuleki,” utshilo.
“Ukubona abantu bekhalela izindlu zabo kunye nempahla zabo kuyophule intliziyo yam.”
Umfanekiso ongasentla: Abahlali Abasele bengenamakhaya emva komlilo otshabalalise indawo base KTC eKapa.
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze