
Ngu Nkhensani Mthombeni
UDetective Charlotte Tshuketana xa engaphandi amatyala olwaphulo mthetho, uzibonakalisa kwibala lomdlalo wegalufa.
Kuleminyaka mithandathu idlulileyo, uphume waba ngoyena mdlali wegalufa ugqwesileyo kwabasetyhini eLimpopo.
Uhambo lwakhe kumdlalo wegalufa, wakhuthazwa nguNorman Mathebula owayesebenza naye kwisikhululo samapolisa eNkowankowa owamkhuthazayo ukuba abeyinxalenye yeqela elidlala igalufa kwinkonzo yesipolisa. Ekuqaleni kwakunzima kwelipolisakazi lineminyaka engamashumi amane anesithandathu, ezilizinze kwisikhululo iDorset.
“Ndandimdala, dingenawo nomtyhi wokuba kudlalwa njani, kodwa ndavuma ndafunda,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Afroca.
“UMathebula waqala wandifundisa isikhokhelo sokuqala kulomdlalo, ukubabamba intonga, ukuba sesiphi isandla sokunxiba iglavu nokuba amanani akhoyo kulentonga athetha ukuthini,
UTshukelana uthe kwamthatha ixesha ukuba awuqondisise lomdlao.
“Ndabona amalungu eqela lam ebetha ibhola intinge, ngelixa eyam elbaleni. Kodwa kwavuka uthando lwalondlalo kwaye ngoku iyinxalenye yam. Indigcina ndisemandleni kwaye iyanceda ukwehlisa uxinzelelo lwengqondo,” wongezile.
Ukuzakuthi gangoku, sele eke wamela iqela lakhe kwupkhuphiswano lukazwelonke matyeli amane, kwaye xa edlalela isiqu sakhe, mininzi kakhulu imisitho eyiphumelela.
Ngenyanga yoMqungu wayeyinxalenye yeqela elaphumelelayo kwisigaba se B-Division kukhuphiswano lwe Golf Tournament olwaludlala ngosuku lukazwelonke lokuhlonnipha amapolisa iNational Police Day, eyayibhiyopzelwa ePolokwane.
Lomdlalo wawusekelwe ukukhulisa ingxowa mali, ekupheleni kosuku kwabe kwenziwe imali ezizigidi ezintathu zeeRandi ezakufakwa kwingxowamali iSouth African Police Service Education Trust Fund (Sapset) esestyenziselwa ukunika inkxaso mali yokufunda kubangtwana abanabazali abaswelekela emsebenzini.
Ngolusuku wafumana isatifiketi neibhaso, elisuka kumphathiswa wenkonzo yesipolisa uBheki Cele kunye nomkomishinala wamapolisa kuzwelonke uFannie Masemola. Kungoku nje umanxada nxada ezilolonga ngokumandla elungiselela ukhuphiswano lwembasa iLimpopo Gold Championship ezakudlala ngenyanga yoKwindla idlalelwa eEuphoria Golf Estate.
UTshuketana yinkosikazi, kunye nomama wamantombazana amabini, kwaye uthe ubengenokwazi ukuphumelela kulomdlalo ukuba ibingekho inkxaso yosapho lwakhe.
Ukhuthaza amanye amanina ukuba abeyinxalenye yalomdlalo, kwaye uyayikhalimela intetho ethi lomdlalo ngowamadoda kuphela.
Umfanekiso ongansentla: Detective Charlotte Tshuketana posing with Minister Bheki Cele
Imvelaphi yomfanekiso: Charlotte Tshuketana