
Ngu Thathe Msimango
Igqala lembaleki uFikile Mbuthuma ukholelwa ukuba amanina azimbaleki ezimnyama zinako konke okudingekayo ukuba aphumelele umdyarho weComrades Marathon.
Umdyarho weComrades ultramarathon ngowona mdyarho mdala kwihlabathi liphela, ubalekwa kumgama ophakathi kwePietermaritzburg neTheku unyaka nonyaka.
Lo mdyarho zange waphunyelelwa ngamanina omgquba kwaye mahlanu kuphela amanina azimbaleki zebala elimnyama akwazileyo ukufumana iimbasa zegolide.
Imbaleki eyaziwayo uFarwa Mentor waphumelela imbasa ezilishumi phakathi konyaka ka2002 no2011, kwaye wafikelela kwindawo yesithathu ngonyaka ka2004. UGalaletsang Mekgoe wagqiba kwindawo yesihlanu ngonyaka ka2022, uMbuthuma wagqiba lo mdyarho ekwindawo yesibhozo ngonyaka ka2016. Ukanti uNokuthula Nhlengethwa wagqiba kwindawo yethoba ngonyaka ka1993 ngelixa uSarah Mahlangu wagqiba ekwindawo yesixhenxe ngonyaka ka2002.
UMbuthuma obaleka ngemibala yeqela leNedbank Running Club uthe lifikile kwakhona ixesha labo lokuba baqaqambe.
“Ndicinga ukuba sibabonisile abantu ukuba sinako nathi ukuphumelela umdyarho weComrades,” utshilo.
“Sibonakalise ukukhuphisana kakhulu kuleminyaka kwaye umgangatho woqeqesho esilufumanayo ukwizinga eliphezulu. Ndiyayazi ukuba asizange sayenza ngaphambili, kodwa ndiyakholelwa ukuba utshintsho luyeza kwiminyaka embalwa ezayo. Kukhona imbaleki ezibonakalisa isakhono kwaye zizakwenza imbali. Hlalani nijongile,” utshilo.
UMbuthuma oneminyaka engamashumi amane anesibini usakholelwa ukuba imilenze yakhe izakumenzela enye imbasa yegolide.
“Ndishiyeke neminyaka embalwa ndibaleka kumdyarho weComrades kulemilenze. Ukulungiselela lomdyarho kuthathe onke amandla am kunye nexesha, kuba ndiyaguga ngoku, kodwa ndisenako ukufikelela kwimbaleki ezilishumi eziphambili, ndibuye nenye imbasa yegolide,” utshilo.
UMbuthuma wayemele ilizwe loMzantsi Afrika ngonyaka ka2018 kukhuphiswano lwehlabathi lwentshatsheli zomgama wekilomitha ezilikhulu olwalubanjelwe eCroatia. Ukanti waphinda waba yinxalenye yeqela loMzantsi Afrika elaliyinxalenye yokhuphiswano lwe AIU 50km ngonyaka ka2009 owawubanjelwe eRumania.
Umfanekiso ongasentla: UFikile Mbuthuma
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likafacebook likaFikile Mbuthuma