Ukhuphiswano lweeIdols luyagqibelisa kulonyaka

Ngu Linda Ximba

Iimvumi ezisakhasayo kweli zivuke ngeendaba ezimbi kwiveki ephelileyo ngethuba kubhengezwa ukuba luyagqibelisa ukhuphiswano lweeIdols SA. Isizini yeshumi elinethoba ezakuqhuba kulonyaka izakuba yeyokugqibela. 

UKhaya Mthethwa owaphumelela kolukhuphiswano ngonyaka ka2012 uthe akasoze alulibale ukhuphiswano lweeIdols SA olwamvulela iminyango. 

“Olukhuphiswano lwabutshintsha ubomi bam. Ngethuba isenzeka, ngekhe wazi ukuba izakuza nantoni, kodwa emva kweminyaka elishumi ndiyabulela ngamathuba endawafumanayo okusingatha nokulawula iimveliso zikamabona kude ezohlukeneyo, ndisebenza kwimveliso iThe Lion King kunye noku tyelela amazwe ehlabathi,” utshilo losaziwayo uyinzalelwane yaseThekwini. 

UMthethwa sele efumene izithuba zokusasaza kwiqonga iSABC1 no Mzantsi Magic kwaye wasingatha inkqubo ethi The Sacred Space kunye no Thami Ngubeni kwisikhululo iMetro FM, inkqubo edlala ngeCawa iminyaka emihlanu. Kunyaka ophelileyo uzimanye nesikhululo iKaya FM. 

Amawele iViggy no Virginia abaziwa ngeQwabe twins, zange baliphumelele ibhaso elikhulu kolukhuphiswano ngonyaka ka2019, kodwa bathatha iintliziyo zabalandeli abaninzi bolukhuphiswano. 

UVirginia Qwabe uthe: “Lenkqubo yayitshintsha indlela esiphila ngayo, kwaye usapho lwethu luphila ngcono ngenxa yentengiso esayifumana kwiqonga leIdols SA. Ngaphandle kokuba sisebenza phantsi kwenkampani iAfrotainment nosaziwayo uDJ Tira, sikwazile ukufumana ithuba lokuba ngabalinganiswa kumboniso bhanya bhanya kaPastor Mjosty ethi 731 Nina Street. Okubi nje kukuba ayisazuqhubeka.”

UMmatema Moremi naye wayeyinxalenye yolukhuphiswano ngonyaka ka2015 kodwa wangaphumeleli. “Intengiso endiyifumene ngokungenela olukhuphiswano indivulele iminyango emininzi. Oko ndandisebenza njengomsasazi wenkqubo iGospel Unplugged kuSABC2 ukusukela ngo2018. Ndaphinda ndafumana izithuba zomsebenzi njengomlinganiswa kwiRhythm City kunye nenkqubo ethi Bone of my Bones.” 

Umfanekiso ongasentla: UKhaya Mthethwa

Imvelaphi yomfanekiso: Idols SA