
Ngu Anita Dangazele
Uloyiko lugubungele ilokishi yaKwazakhele eGqeberha emva kwesinye isiganeko sodubulo esenzeke kumzi ebekonwatywe kuwo, apho abantu abane bephulukene nobomi babo ngelixa abathathu befumene ukonzakala.
Udubulo lwangentseni yangeCawa lwenzeke kumgama we1.5km ukusuka kumzi ekwadutyulwa kwabulawa abantu abasibhozo, kwangxwelerheka abathathu kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.
Kwesisiganeko sakutsha nje, amadoda amathathu agaleleke kwikhaya elikwisitalato iNomjila apho igquba labantu abatsha abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesishlanu bebezonwabele, avulela iimbumbulu.
Ngokwengxelo yamapolisa, kubantu abalishumi elinanye ebebekulendlu, amanina amathathu kunye nendoda enye badutyulwe babulawa, ngelixa amadoda amabini nowasetyhini omnye bonzakele.
Emva kwesisiganeko, owasetyhini obezama ukubaleka udibene nesithuthi samapolisa ebesijikeleza malunga nomkhono ngaphambi kwentsimbi yokuqala ebusuku, wachaza ukuba yena nabahlobo bakhe bayahlaselwa.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthe, amapolisa aphanda amatyala amane okubulala kunye namatyala asixhenxe okuzama ukubulala.
“Unobangela woludubulo awukaziwa okwangoku. Amaxhoba abhubhileyo aphakathi kweminyaka engamashumi amabini anamashumi amabini anesihlanu kwaye iintsapho zawo zisakhangelwa.”
NgoMvulo uNaidu uthe onke amaxhoba sele efanisiwe afunyaniswa ukuba ngoobani.
Umakazi womnye wamaxhoba naye khange akwazi ukuchaza ukuba yintoni ebangele ukuba babulawe. Bathe bothukile kwaye abayazi ukuba kutheni abantu benokufuna ukubulala umtshana wabo.
Bacele ukuba bangakhankanywa kuba benexhala ngokhuseleko lwabo.
“Abazali bakhe basweleka, ngoku ubehlala kulendlu yedwa,” utshilo. “Usisi wakhe namanye amalungu osapho ayandwendwela xa enexesha.”
Abanye omakhelwane bathe khange banake ngethuba kudutyulwa, ngelixa abanye bethe bavile ngesisiganeko kodwa bengazi ukuba kwenzeke ntoni kanye kanye. Uninzi belusoyika ukuphawula.
KwiCawa ezimbini ezidlulileyo, kwilokishi enye yakwaZakhele, isiganeko esifana nesi sokudubula kumsitho wolonwabo sothusa uninzi kweli. Abantu abasibhozo badutyulwa babulawa ngelixa abathathu kubo basala bonzakele.
Abarhanelwa abadubula kwesisiganeko, basagcwele amathafa.
Umkomishinala wamapolisa wephondo leMpuma Kapa uNomthetheleli Mene ubongoza abahlali bakwaZakhele naseNew Brighton ukuba basebenzisane namapolisa ukuze kupheliswe eziziganeko zokubulawa kwabantu.
UMene ubongoze abahlali ukuba beze ngaphambile, baxele abo bangunobangela wokukubulawa kwabantu.
“Asinokwazi ukuvumela izikrelemnqa ukuba zizenzele ngokukhululekileyo kwindawo zethu zokuhlala, zisoyikisa abantu ekuhlaleni,” utshilo.
Ukanti uceba welokishi yaKwazakhele Gamelihle Maqula uthe, abahlali bayoyika.
“Abahlali baphila noloyiko kwaye asikwazi ukulindela ukuba bathethe ezintlanganisweni ngolwazi abanalo xa kungekabikho bantu babanjiweyo ngeziganeko zokubulawa kwabantu ezidlulileyo.”
“Oko kungababeka emngciphekweni,” utshilo.
“Akukho mntu ufuna ukuba onqevu babesemva kwakhe, kuba asazi ukuba ngubani okanye ngoobani ongqondongqondo kweliyelenqe nokuba yintoni injongo yabo.”
UMaqula ucebise abahlali ukuba bayeke ukubamba imicimbi yolonwabo emizini yabo kude kube abarhanelwa baseluvalelweni.
Umfanekiso ongasentla: Amapolisa nabahlali ngaphambi kwesitalato iMaqanda , kwiveki ezimbini ezidlulileyo.
Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele