Ngu Linda Ximba
Ushicilelo lomboniso weCCTV obonakalisa imizuzwana ngaphambi kokudutyulwa kubulawe imvumi edumileyo yeli uAKA, luphembelele uphando olungekho mthethweni kuwo onke amakhasi ezonxibelelwano.
UKiernan “AKA” Forbes udutyulwe wabulawa kunye nalowo ube ngumanejala wakhe, nomhlobo wakhe wexesha elide okwanguye nombhali Tebello “Tibz” Motsoane.
Olushicilelo lubonakalisa uAKA esonwabela ukubonana nomntu okhangeleka engumhlobo wakhe emva koko baxhawulane. Emva kokuba ebuyele kwiqela labantu ebehamba nabo, kuthe gqi indoda enxibe ijezi emhlophe kunye nomqwazi yamdubula amatyeli aliqela.
Uluntu kumakhasi ezonxibelelwano, bayaqhubeka bebeka izimvo zabo, nendlela abawubona ngayo lomboniso ushicilelweyo.
Abanye bakwazile ukusebenzisa lomboniso ushicilelweyo, ukubonakalisa imifanekiso yabantu ekurhanelwa ukuba ngabo ababulali, ngelixa abanye bevakalisa izimvo zabo ngendlela ahamba ngayo umbulali ngaphambi nangasemva kwesiganeko sokudubula.
Abantu gabalala, osaziwayo, oosomashishini kunye nemibutho yezopolitiko bonke bamemelela ubulungiswa ukuba bufezekiswe kwelityala lokubulala – ingakumbi ngoku sele kukhona ushicilelo lomfanekiso onokusetyenziswa ngabasemagunyeni abaphanda elityala.
Usapho lukaAnele Tembe luthumele umyalezo wovelwano
Usapho luka Anele “Nelli” Tembe owayezakutshata noAKA luthumele amazwi ovelwano kusapho olulahlekelwe ngunyana walo. UTembe walandulela eli ngenyanga kaTshazimpuzi ngonyaka ka2021 emva kokuwa kwisakhiwo sehotela iThe Pepperclub kwisitalato iLoop Street eKapa ekumgangatho weshumi.
Kwimbalelwano ekhutshwe ngutata kaAnele, uMoses Tembe uthe: “Kungomothuko omkhulu ukuva ngokusweleka kukaKiernan. Njengomzali ndifikelwa yintlungu enzulu ngaku sapho lwakwa Forbes, uTony no Lynn Forbes, intombi yomfi uKairo kunye nosapho olwengezelelweyo.
“UKiernan ubeyimvumi enesakhono esimangalisayo. Umculo wakhe ubenegalelo elibalulekileyo kwimbali yomculo weli etyebileyo. Sidlulisa amazwi ovelwano kusapho lwakhe luphela kunye nabalandeli bakhe. Mna nosapho lwam simemelela uluntu ngokubanzi ukuba lubonakalise uvelwano, kwaye lunike usapho ixesha lokuzila kunye nentlonipho kuwo onke amaqonga.”
Usapho nabahlabo bathe gqolo ukundwendwela ikhaya ika AKA eBrynston eJohannesburg bedlulisa amazwi ovelwano. Phakathi kwabo batyelele elikhaya ngumhlobo wakhe “uDa L.E.S” Mampe, umphathi wenkampani yemveliso yomculo iKalawa Jazmee uOscar “Oskido” Mdlongwa kunye nalowo wayesakuba liqaband lika AKA okwangunina wentombi yakhe uDj Zinhle Jiyane. Kumakhasi ezonxibelelwani uDa L.E.S no Oskido badlulise amazwi ovelwano ngokusweleka kwemvumi eyavelisa ingoma ayayiyindumasi ethi “Fela In Versace”, ngelixa uDJ Zintle ethule tuu kwikhasi lakhe lezonxibelelwano.
Umfanekiso ongasentla: AKA
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaInstagram