
Ngu Buziwe Nocuze
Owasetyhini waseKhayelitsha wacela ukuvala inzala ngenxa yokuba wafumana ubunzima ngethuba ebeleka umntwana wakhe wesine. Kodwa kunyaka ophelileyo, uphinde wakhulelwa kwakhona.
Kungoku nje, lowasetyhini uneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu ufuna isibhedlele sithathe uxanduva ngalomntwana.
“Ndinenyanga ezisibhozo ndizithwele, kwaye ndilindele ukuba bamkhathalele lo mntwana,” utshilo.
Ngonyaka ka2021 lowatyhini wabeleka umntwana oyinkwenkwe kwisibhedlele sesithili saseKhayelitsha, emva koko wacela ukuba avalwe inzala ukuze angaphinde akhulelwe kwakhona.
Uthe ngalo lonke ixesha ekhulelwe wayefumana ubunzima.
“Ndinabantwana aboneleyo. Akukho sizathu sokuba ndizibeke emngciphekweni wokufa,” utshilo.
Wothuka kakhulu kunyaka ophelileyo ngethuba efumanisa ukuba ukhulelwe.
“Impawu zazikhona, kuba ndandenze inkqubo yokuvala inzala zange ndizithathele ngqalelo – ndade ndabe ndiyagula,” utshilo.
Wafa isiqaqa ngethuba umongikazi emxelela ukuba ukhulelwe esesibhedlele.
“Wathi umongikazi esandivuyela ngokukhulelwa, kwavele kwamnyama,” utshilo.
Uthe, esibhedlele waxelelwa ukuba lenkqubo ayikhuselekanga kwaphela, iyafana nendlela zokucwangcisa.
Ngokutsho kwesithethi sesibhedlele uAbulele Dyasi, umguli wafumana ululeko lwengqondo ngaphambi kokuba enziwe inkqubo yokuvala nangasemva kokuba eyenzile, nalapho wacaciselwa ukuba kungenzeka akhulelwe nasemva kokuba imibhobho yakhe ibotshiwe.
UDyasi ukhuthaze umguli lo ukuba andwendwele isibhedlele sesithili saseKhayelitsha ukuze afumane inkcukacha ezithe vetshe kunye nomkhomba ndlela.
“Ubungqina bubonakalisa ukuba omnye kumanina angamakhulu amabini ayakhulelwa emva kokubopha imibhobho yawo, evala inzala. Sisokolo sikhuthaza abantu ukuba basebenzise intlobo ezimbini zokuzikhusela, eziquka ukusebenzisa idyasi kamkhwenyana kunye nokucwangcwisa xa besabelana ngesondo, ukuze bangakhulelwa bengafuni.”
Oku kuzobakhusela nakwizifo ezosulela ngokwabelana ngesondo.
Lowasetyhini usothukileyo uthe ukuba ubesazi ukuba ayikhuselekanga kwaphela ngewayesebenzise idyasi kamkhwenyana.
“Andimdingi omnye umntwana,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: Owasetyhini okhulelweyo ufuna isibhedele sesithili eKhayelitsha sikhathalele umntwana wakhe emva kokukhulelwa evale inzala
Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze