Kulahleke abantu ababini kwimvula ehlasele iphondo laseKZN

Ngu Lungani Zungu

Kusalahleke abantu ababini kwimvula ebinetha ngamandla kwiphondo laKwaZulu-Natal njengoko neli ityeli lemvula lishiye umonakalo omandla kwindawo ezininzi zelizwe loMzantsi Afrika.

Emini maqanda ngeCawa, ibisaqhuba inkqubo yokukhangela umfundi oneminyaka elishumi elinesixhenxe obesenza ibanga leshumi elinanye owakhukhuliseka eNdumo eNgwavuma kumantla ephondo laKwaZulu-Natal.

Umqhubi ekwakhukhuliseka imoto yakhe kwindlela iNkatha eMtubatuba naye usalahlekile. 

Amakhulu abantu basele bengenamakhaya eMkhanyakude, eNewcastle naseMhlathuze (Richards Bay) emva kwemvula ene ngamandla eqale ngoLwesine kwiveki ephelileyo. 

Abasebenzi nabantwana besikolo khange bakwazi ukufikelela emakhayeni abo kwiveki ephelileyo emva kokuba ibhulorho eyakhiwa yasezantsi, kumlambo iTugela yayizika emanzini iintsuku. 

Nangona kungekho bantu baswelekileyo baxeliweyo kumaphondo iRhawuti, iLimpopo kunye neMpumalanga, nawo lamaphondo achaphazelekile. 

Abantu kulamaphondo bapapasha imifanekiso yezindlu ezikhukhulisekileyo, kunye nezakhiwo ezimoshakeleyo, kuquka iimpahla zokunxiba kunye nefenitshala. Ibhulorho ezithile kulamaphondo zonakalisiwe yimvula. 

Njengoko kulindeleke imvula ezina ngamandla kuyo yonke leveki kwimimandla emininzi kweli, urhulumente ulumkisa abahlali ukuba baqaphele ngawo onke amaxesha. 

Izanuse zezulu zelizwe loMzantsi Afrika zikhuphe izilumkiso zesigaba sethoba nesesihlanu kwimimandla emininzi kumaphondo iLimpopo kunye neKZN, nto leyo ibonakalisa ukuba iimpuphuma ezinobungozi ebantwini zilindelekile kuleveki. 

Oku kungabangela ukuqhekeka komhlaba, ukuwa kwamatye kunye nokudilika kweendonga zamadama, sitshilo sisilumkiso sezanuse zezulu. 

Imvula ezibangela umonakalo, ziya zisiba sisiqhelo ngoku kumaphondo amaninzi. 

Ngenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo, abantu abangaphezu kwamakhulu amane anamashumi amane babhubha kwiimpuphuma ngelixa amawaka abantu basala bengena makhaya emva kwezimpuphuma zabangela umonakalo omandla kwiphondo iKZN kunye neMpuma Kapa. 

Uninzi lwamaxhoba asahlala kwindawo ezingekho mgangathweni, kwindawo zokugcina abantu ezimiliselwe ngurhulumente. 

Ukanti, kuswele abantu abane kumazantsi elizwe laseMozambique emva kwemvula enethe iintsuku ingayeki, itshilo ingxelo yequmrhu elijongene nentlekele kwelalizwe, ngalempelaveki. 

Umfanekiso ongasentla: Iimpuphuma eKZN ziqhuba nokonakalisa 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe