
Ngu Anita Dangazele
Kuqhambuke olunye udubulwano kwilokishi yaKwazakhele eGqeberha, kwiveki nje ezimbini emva kwesiganeko sokudutyulwa kwabantu abasibhozo kwitheko lokuzalwa. Kweli ityeli esisiganeko sisube imiphefumlo yabantu abane.
Emva kwesisiganeko senzeke ngentseni yangeCawa Kwazakhele, amapolisa aseGqeberha amemelela uluntu lwelokishi yaKwazakhele kunye neyaseNew Brighton ukuba lusebenzisane namagosa ezomthetho ukuze kuliwe neziganeko zokubulawa kwabantu.
Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthe bekusemva kwenzulu zobusuku ixesha ingumkhono ngaphambi kwentsimbi yokuqala apho isithuthi samapolisa ebesijikeleza simiswe ngowasetyhini othe yena nabanye badutyulwe ngamadoda engaziwayo.
“Kutyholwa ngelithi ibingabantu abalishumi elinanye, amanina amathandathu namadoda amahlanu, behleli besela, bezonwabisa kumzi othile, ngethuba kungena amadoda amathathu angaziwayo evulela ngembumbulu,” utshilo uNaidu.
Amanina amathathu aneminyaka ephakathi kwamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anesihlanu, kunye nendoda eneminyaka engamashumi amabini anesibhozo engumnikazi wendlu badutyulwe basweleka, ngelixa abathathu bebalekiselwe esibhedlele ukuze banyangelwe amanxeba okudutyulwa.
Abane kubo baphume bengenawo nomkrwelo.
Unobangela woludubulo awukaziwa kwesisigaba kwaye kusakhangelwa iintsapho zamaxhoba anabele uqaqaqa.
“Icandelo lephondo eliphanda ulwaphulo mthetho olucetyiweyo eGqeberha liphanda amatyala amane okubulala, kunye namatyala asixhenxe okuzama ukubulala,” utshilo uNaidu.
Nabanina onokuncedisa kufunyanwe abarhanelwa uyacelwa aqhakamshelane noColonel Willie Mayi kwinombolo ethi 082-697-5914 okanye atsalele umnxeba wokuxela ulwaphulo mthetho ku 08600-10111 okanye aye kwisikhululo samapolisa esikufutshane naye.
Umfanekiso ongasentla: