ISunrisers zaseMpuma Kapa ziphumelele isizini yokuqala yeSA20

Ngu Razeen Gita

Iqela leqakamba iSunrisers zephondo leMpuma Kapa zilibethe zalibhulela amasaka iqela lePretoria Capitals ngoothinti abane kumdlalo wamagqibela kankqoyi eSA20 ngethuba kubhiyozelwa ukuvalwa kwesizini yokuqala ebintle kakhulu kwibala lemidlalo iWanderers. 

Emva kokufikelela kwisigaba sokudlalela ukuphuma kukhuphiswano, iqela lika Aiden Markram’s liqonde ukuba lizakuzibonakalisa ekugqibeleni. Iqela leMpuma kapa liphumelela itosi lakhetha ukuphosa kuqala, lathatha oothinti abalishumi bonke linciphisa amanqaku eqela leCapitals ayakutsho kwikhulu anamashumi amathathu anesihlanu. 

URoelof van der Merwe nguye okhethiweyo ngabaphosayo, ethatha u4/31 kwimijikelo yakhe emine. UKusal Mendis nguye kuphela odlale ngcono waqabela kumanqaku angamashumi amabini kwicala lasePitoli, nokhangeleka inguye odlale kakuhle kweliqela nangethuba behamba phambili kwimidlalo yeleague ngokuphumelela izihlandlo ezisixhenxe kwimidlalo elishumi. 

Iqela iSunrisers belisoloko likhangela lingaxabashanga kulomdlalo, nalapho uAdam Rossington efumene amanqaku angamashumi amahlanu anesixhenxe ngemitsi engamashumi amathathu, inguye ohamba phambili. 

Isixhenxe esiphezulu kumjikelo wesibini ubungowokonwabisa nje kubalandeli beBull Ring, apho uMarco Jansen afikelele kwimitsi yokugqibela wafumana amanqaku amathandathu naye. Lo mdlalo uphunyelelwe ngoothinti abane esandleni, kunye nebhola ezingamashumi amabini anesibini ezixhonyiweyo.

Umdlali ogqwesileyo kulomdlalo uVan de Merwe uthe ekupheleni komdlalo, eliqela liye lakwazi ukukhululeka lidlala ngentsebenziswano ngexesha elifanelekileyo. 

“Ndonwabe ngokugqibeleleyo. Ndidiniwe ndiphelelwe ngamandla, Amakhwenkwe adlale ibhola emangalisayo namhlanje, ndonwabe kakhulu. Lamakhwenkwe akwazile ukudibana emva kwexesha, afumanana, azana ngcono. Kumnandi ukuhumelela apha eWanderers namhlanje,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: Iqela iSunrisers zaseMpuma Kapa 

Imvelaphi yomfanekiso: @SACricketmag