Syria : After the earthquake, a pregnant lady gives birth to a baby under the collapse building. People heard the crying sound, it ws a baby girl. Baby's placenta was still attached with mother who has passed away. Sadly she was only survivor in family.#TurkeySyriaEarthquake pic.twitter.com/0zHSa5kzvt
— Pankaj Mishra (@nn_pankaj) February 8, 2023
Amawaka waka abantu kumakhasi ezonxibelelwano bavakalise umnqweno yokunika ikhaya uAya olusana oluzalwe ngexesha lenyikima ngentseni yangoMvulo eTurkey.
UAya uzalwe ngeeyure zangentseni yangoMvulo ngethuba kuhlasela inyikima enobukhulu obulunganiselwa ku7.8, ehlasele yatshabalalisa ikhaya lakhe. Uhlangulwe kwinkukuma yalenyikima ngoMvulo.
Igama elithi Aya ngokwesi Arab lithetha ukuthi “umqondiso ovela kuThixo”.
Lo mntwana nguye kuphela umntu osindileyo kusapho lwakhe olukufutshane naye, njengoko abazali bakhe bobabini kunye nabantakwabo abane bephulukene nobomi babo kule nyikima.
Umboniso oshicilelweyo uthe ndii kwikhasi lika Twitter, kubonakala indoda ephume ibaleka kwinkukuma iphethe umntwana obegcwele uthuli, kubonakala nenimba isancamathele for esiswini kuye.
UAya utsale umdla wabantu abaninzi kumakhasi ezonxibelelwano, njengoko amawaka abantu bevakalise iminqweno yabo yokunika lentwazana ikhaya.
“Ndifuna ukumenza umntwana wam lomntwana. Ndingamnika ikhaya elinothando. Angaphila noomakhulu ababini kunye nootatomkhulu ababini kunye nabazala abaninzi abohlukene ngokwe”inyaka. Usaphho lwam luzakube luphelele,” ubhalile umsebenzisi wekhasi likaTwitter.
“Ndikude kakhulu kodwa bendinokumthatha lomntwana ndiqinisekise ukuba wonwabile kwaye uphile ubomi obuzolileyo,” ubhale wenjenje omnye umsebenzisi welikhasi.
UAya ufumana unyango kwisibhedlele esikufutshane, ekhathalelwe ngumanejala uKhalid Attjah kunye nenkosikazi yakhe, itsho ingxelo yeqonga lendaba iBBC.
Inkosikazi ka Khalid enomntwana onenyanga ezine, incancisa usana lwayo kunye no Aya.
“Kude kufike usapho lwakhe, ndizakuqhubeka ndimphatha njengomntwana wam,” utshilo uKhalid.
Wongeze ngelithi akacebi kunikisa ngaye uAya ukuba afunelwe abazali abazakumkhulisa.
Umalume ka Aya uSalah al-Badran uthe, uzakumkhathalela ulinde nje ukuba akhutshwe esibhedlele.
Ugqirha wabantwana uHani Maarouf uthe uAya ufike esibhedlele ekwimeko embi njengoko amaqondo obushushu emzimbeni wakhe ebephantsi kakhulu.
“Ukuba lentombazanana ibihleli ixesha elongezelelweyo ingafumani ncedo, ibizaku sweleka,” utshilo uMaarouf exelela iqonga lendaba iAP.
UMaarouf wongeze ngelithi uAya ukwimeko ezinzileyo esibhedlele.
Ukanti inani labantu ababhubhe kwinyikima ehlasele eSyria naseTurkey lingaphezulu kwamashumi amabini amawaka, ukusukela ngoLwesihlanu umhla weshumi kwinyanga yomdumba.
Iqulunqwe ngu Dylan Bettencourt
Umnfanekiso ongasentla: Usana uaya esesibhedlele
Imvelaphi yomfaneksio: Ikhasi likaTwitter