
Ngu Zukile Majova
Bangaphantsi komyinge omnye ekhulwini abantu abatsha beli abaneminyaka engaphezu kweshumi elinesibhozo ababhalisele ukuvota.
Ukanti nakubantu abatsha abaneminyaka engamashumi amabini ukuya kumashumi amabini anethoba, akukho bungcono. Ikomishoni ezimeleyo yonyulo ithi ngumyinge ka6.74% wabafana ibe ngu8.07% wamantombazana asele ebhalisele ukuvota kwaba bantu batsha.
Ukungakhathali kwabavoti kuyafana kuwo onke amanqanaba kuquka kuzwelonke nakwisigaba sasekuhlaleni kwaye oku kubangela utshintsho olumandla kwezopolitiko.
Owona mngcipheko mkhulu kwinkululeko eyalwelwa kanzima ngabantu boMzantsi Afrika kukuba abemi beli bayincamile – ingakumbi abantu abatsha.
Oku kuthetha ukuba kuzakuba ngumnqantsa ukufumana abavoti njengoko sele lusondele unyulo lonyaka ka2024, kwaye ulutsha lulo olongamele uluntu lweli.
Unyulo lukawonke wonke luzakuqhuba kwiinyanga ezilishumi elinesihlanu ezizayo kweli.
Kwaye umbutho weANC ukhala ngaphantsi komyinge wamashumi amahlanu eepesenti okokuqala, ngelixa oluvoto lubaluleke kakhulu kumbutho olawulayo kunye nemibutho ephikisayo.
Inani elincinci labantu abathatha inxaxheba kuvoto lovalo zikhewu lubangela impumelelo yamaqela athatha inxaxheba.
Ngenyanga yeDwarha ngonyaka ka2022 uceba wombutho weANC uSiphokazi Madyum waphumelela unyulo lovalozikhewu kwaWard 07 kumasipala wasekuhlaleni iKing Sabata Dalindyebo apho kwaphuma umyinge ka16% kuphela wabavoti.
Oku kwenzeka eMthatha, phantsi korhulumente waseTranskei ongasasebenziyo, apho intswela ngqesho yolutsha ifikelele kumyinge ka70%.
Ukanti kwikomkhulu lezikhululo zika Eskom eSecunda, uNicholas van Huyssteen waphumelela unyulo lovalo zikhewu kwa ward 25 phantsi komasipala wasekuhlaleni iGovan Mbeki apho abantu abangaphezu komyinge ka80% bengazange bathathe nxaxheba kuvoto.
Unyulo lorhulumente basemakhaya ngenyanga yeNkanga ngonyaka ka2021 lwalungekho luhle kwaphela, kuba yaba ngumyinge ongaphezu kuka90% wabantu abatsha abaneminyaka elishumi elinesibhozo ukuya kumashumi amabini anethoba abangazange bathathe nxaxheba kuvoto. Oku kwenza ukuba kungabikho mbutho uphumelela ngokucacileyo komasipala abangamashumi amathandathu anesithandathu.
Ingxelo zeveki neveki zeqonga leendaba iScrolla.Africa kunyulo lovalo zikhewu kwisigaba seward kuzwelonke zibonakalisa ukuba umyinge wabavoti ume ku35%.
Liyancipha inani labantu abatsha abathatha inxaxheba kuvoto kweli ukusukela ngoyaka ka1994, nalapho belime kumyinge ka10% kuvoto lonyaka ka2021 kwaye kulindeleke ukuba lime kumyinge ka 5% no10% kunyaka ka2024.
UMartin Bekker wedyunivesithi yaseJohannesburg ugxeka urhwaphilizo olongamele oorhulumente basemakhaya njengonobangela wokuphela komdla wokuvota kulutsha.
“Urhwaphilizo, ukungabinamdla kunye nokungabiyonxalenye yezopolitiko kuko okubangela ukuba ulutsha lungavoti.”
Iyabonakala indima enkulu edlalwa ngumbutho weEFF kwinzame zokubhalisa abavoti. Inabalandeli abangaphezu kwesigidi, kwaye umyinge ka80% kubo ngabantu abatsha abangaphantsi kweminyaka engamshumi amathathu anesihlanu.
Kungoku nje, nangona unabavoti abangaphantsi kuka11%, umbutho kaJulius Malema sele uqalile uhamba phambili ngokubanamandla koomasipala apho kungakhange kubekho qela liphumelele ngokucacileyo– nto leyo ibonakalisa umtyhi wempembelo abanayo kuvoto oluntenga ntengayo loMzantsi Afrika lonyaka ka2024.
Eminye imibutho yezopolitiko kufuneka ifunde, ilandele ekhondweni ngokukhawuleza lingekapheli ixesha.
Inkcukacha ezongezelelweyo ngu Celani Sikhakhane
Umfanekiso ongasentla: Umgca wokuvota kwisikhululo sovoto lweIEC
Imvelaphi yomfanekiso: Isebe lorhulumrnto ngentsebenziswano nemicimbi yemveli