
Ngu Anita Dangazele
NgoLwesine umasipala wesithili saseNelson Mandela Bay ulumkise abahlali ukuba mabalindele inkqubo yokucinywa kwamanzi.
Lo mmandla ujongene nesomiso esimandla, esibangele ukuba ibemaxongo imeko yonikezelo lwamanzi kwesisixeko. Umasipala uqikelela ukuba bazakube bomile oovimba bamanzi ngenyanga yekhala kulonyaka.
Usodolophu womasipala iNMB uRetief Odendaal uthe lomasipala umbaxa uzakunyanzeleka ukuba umilisele inkqubo yokucinywa kwamamzi.
“Ukuba akukhomvula inkulu inayo, sizakunyanzeleka sisebenzise indlela zonikezelo lwamanzi njengesidingo esingundoqo. Oku kuquka ukucinywa ukuhanjiswa kwamanzi kwindawo zokuhlala, kusetyenziswe iindlela zokuhlinzekwa kwamanzi ngeloli ehambisa amanzi kunye nokusetyenziswa kweetanki zeJojo. Le yimeko engaginyisi mathe esijamelene nayo,” utshilo.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lithethe nabahlali abangonwabanga bommandla iNMB, abathe oku kubadanisile ingakumbi njengoko behleli bejamelene nenkqubo yokucinywa kombane.
URicardo Daniels ongumhlali waseNMB uthe: “Sisazama ukuphila nocimicimi wombane ngoku bafuna ukuqalisa inkqubo yokucima amanzi? Le ayiyondlela yokuphila.”
Omye wabahlali abakhathazekileyo uNomthandazo Mosi uthe: “Saxelelwa ukuba masihlambe izandla zethu ngexesha lokuqhambuka kweCovid-19. Sizakuyenza njani lonto ngoku? Ingaba sele ephelile yena lobhubhane? Ngubhubhane emva komnye ndiyakuxelela (ethetha ngokucinywa kwamanzi nombane).”
Inkcukacha ezipheleleyo malunga nokuba izakuhamba njani inkqubo yokucinywa kwamanzi isuka kuJoseph Tsatsire ongumlawuli wecandelo lweziseko nenjineli kulomasipala.
“Into esizama ukuyenza kukumilisela inkqubo ekhawulezileyo yonikezelo lwamanzi, equka ukucinywa kwamanzi aya kwiindawo zokuhlala, apho kuzakunyanzeleka ukuba bayowathatha kwindawo ezichongiweyo zokuthatha amanzi okanye ezitankini ezizakube zilungiselelwe oku,” utshilo.
“Ngokuqinisekileyo le ayondlela iqhelekileyo yokunikezela amanzi kubahlali bethu, kodwa sifikelele kwinqanaba apho sinamanzi alingana no230 megalitre (ML) alungiselelwe ukuba asetyenziswe ngosuku asuka kumthombo othembekileyo idama iGariep.”
“Kwaye ngoku sisebenzisa iilitha ezingamakhulu amabini anamashumi asibhozo anesithandathu (286ML) ngosuku, kwawona awonelanga, kwaye ngeke sikwazi ukuqhuba ngaphandle kokuba sicime amanzi asiwa kwindawo zokuhlala ezithile.”
Kwiveki ephelileyo ibhunga lomasipala iNMB liphumeze imali ezizigidi ezilikhulu elinamashumi amabini ukuze kukhawuleziswe izicwangciso zokuqubisana nesomiso, eziquka ukwakhiwa kweziseko zamanzi aphuma phantsi komhlaba kwindawo ezichingiweyo kwesisixeko.”
Umfanekiso ongasentla: Idama elivaliweyo kummandla iNelson Mandela Bay Impofu dam.
Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook lomasipala iNMBM