ISundowns inobungangamsha kwibhola yoMzantsi Afrika kuphela? Lo mbuzo uzakuphenduleka kwimidlalo yeCAF Champions League  

Ngu Micheal Madyira

Iqela lebhola ekhatywayo iMamelodi Sundowns lizakujamelana novavanyo olukhulu kulesizini njengoko bezakuqalisa imidlalo yabo yeCaf Champions League kuGroup B. 

Iqela leBrazilians lizakube lisingethe umdlalo walo neAI Hilal kwibala lemidlalo iLoftus Versfeld ngoMgqibelo

ISundowns yaziwa ngokungabinalusini kwimidlalo yasekuhlaleni, ibetha onke amaqela equbisana nawo, idale inkoleleo yokuba ayinantanga kumaqela asekhaya. 

Umqeqeshi uRhulani Mokwena kunye neqela lakhe bajongene nomsebenzi wokuzibonakalisa elubala ukuba banamandla kangakanani kwimidlalo yendebe yeAfrika.

Olu lukhuphiswano olusoloko luhambela kude nabo oko bathi bathatha indebe yeChampions League ngonyaka ka2016.

“Indebe yeChampions League lukhuphiswano olubaluleke kakhulu kweliqela xa sijonge indawo esizibekele ukuba siye kuyo,” utshilo uMokwena kwinkomfa ebibanjwe ngaphambi kwalomdlalo. 

“Kunyanzelekile ukuba senze ngcono kunendlela esidlale ngayo kwisizini ezintathu ezidlulileyo, kwaye yilonto kanye esijonge ukuyenza kule sizini. Senze ngcono ngazo zonke iindlela esinazo, njengoko sisenza kuyo yonke imidlao nokhuphiswano ukuba siphumelele.”

La maqela mabini azakudibana kwakhona emva kwesithuba sonyaka emva kokuba iSundowns yabetha iAl Halil ngenqaku kwimbande yesikhova idlalela kokwayo, kwisizini ephelileyo kwisigaba samaqela adibeneyo. 

Kwakhona aMasandawana abetha ezingangalala zaseSudan ngamanqaku amane kwamabini kumdlalo ababewudlalela kwelalizwe ngonyaka ka2022.

Kodwa ixesha labo kuletumente laphela kwisigaba semidlalo emibini ngaphambi kweyamagqiba kankqoyi, nangona betshayela kwanto ekhaya. 

“Enye yezinto ezingaguquguqukiyo xa sibethwa kumdlalo wekota yokugqibela kukuba singenelwe ngamagowuli singekho ekhaya ibe yinto esenza sisilele,” utshilo uMokwena.

Njengoko bezibonakalisile ubungangamsha babo kwitumente yePremier Soccer League kuleminyaka mihlanu udlulileyo ngokulandelelana, itumente yeChampions league isoloko isiba liqonga lokuba bazifumanise ukuba baliqela elidlala kanjani.  

Unozinti weliqela uRowan Williams uyakonwabela ukuya kumanzi agquthayo emidlalo yebhola yaseAfrika. 

“Siyayazi ukuba akukho lula, kwaye lukhuphiswano olukhulu, kodwa esilujonge ngamehlo abomvu ukuba sibe yinxalenye yalo. Sifuna ukubayinxalenye yohambo olunzima, ukhuphiswano olunzima kunye nemidlalo emikhulu,” utshilo uwilliams.  

Uxanduva lwemidlalo exineneyo yebhola yeseAfrika lulindle iqela leBrazilians njengoko bezaku ndwendwela ingangalala zaseCameroon iCotonsport emva komdlalo wabo ne Al Hilal, ngaphambi kokuba babuye basingathe umdlalo wabo neqela iAl Ahly kumabala abo ekhaya. 

Bazakubuyela kwimidlalo yabo yebhola yasekhaya ngomhla wesine kwinyanga yoKwindla. 

Umfanekiso ongasentla: Abadlali beMamelodi Sundowns bebetha abalandeli 

Imvelaphi yomfanekiso: Mamelodi Sundowns