Umongameli uthembisa ngokuqubisana nocimi-cimi wombane 

Ngu Zukile Majova

Umongameli uCyril Ramaphosa udale ukudideka okumandla ngendima edlalwa yipolitiki kwicandelo lezamandla, nanjengoko ebhengeze ukuba kuza kubakho umphathiswa wezombane. 

Esothula intetho yakhe emalunga nobume belizwe kwiholo yesixeko saseKapa ngobusuku bangoLwesine, uRamaphosa ukwabhengeze imeko yentlekele ngokwezamandla kweli.

“Ukuhlangabezana nalentlekele ngempumelelo nangokukhawuleza, ndizakubeka umphathiswa wecandelo lombane ozinze kwiofisi kaMongameli ukuba ajongane nomsebenzi wokongamela yonke into emalunga nokuhlangabezana nemiceli mngeni yombane, kuquka nomsebenzi wekomiti iNational Energy Crisis Committee.

“Lo mphathiswa uzakujongana nalo msebenzi usisigxina, kwaye asebenze nebhodi yakwaEskom kunye nabaphathi bakwaEskom ukuqinisekisa ukuba ifikelela esiphelweni inkqubo kacimi-cimi wombane, kwaye aqinisekise ukuba zimiliselwa ngokukhawuleza izicwangciso zokulwa nokunqongophala kwemveliso zamandla kweli i-Energy Action Plan.”

Umphicothi zincwadi weli ulindeleke ukuba asebenzisane nomphathiswa wezombane bejonge ukuba akukho ziseko zeli ezizakutyhuthulwa ingakumbi ngelixesha lokubhengezwa kweli ngokugutyungelwa yimeko yentlekele.

Ilizwe loMzantsi Afrika lifumene imali efikelele ku$8.5 bhiliyoni efakwe ukuncedisa eli likwazi ukuba liyeke ukuxhomekeka kumaziko aphehla umbane esebenzisa amalahle, liphehle amandla ngeemveliso ezihlaziyekayo. 

Kodwa impi ephakathi komphathiswa wezamandla kunye nezimbiwa uGwede Mantashe kunye nomphathiswa wamaqumrhu karhulumenete uPravin Gordhan ibangela uphazamiseko kwinzame zokumilisela lenkqubo. 

UGordhan ujike wangumntu ombi ngokuzimisela kwinto yokuba zingavuseleleka izikhululo zokuphehla umbane zakwa Eskom kwaye nokumemelela ukuba inxalenye yenkampani yakwa Eskom yenziwe ibe yeyabucala, nto leyo izakuchaphazela abasebenzi bakwa Eskom abangaphezuj kwamawaka angamashumi amane. 

URamaphosa ukwenze kwacaca ukuba umphathiswa wamaqumrhu karhulumente uzakuhlala emele abatyali zimali bakwa Eskom kwaye inguye ophambili ozakuqinisekisa ukuba iyamiliselwa inkqubo yotshintsho lokuvelisa umbane iJust Energy Transition.  

UMantashe kwelinye icala ulindeleke ukuba aqhubeke nokulwela ukuhlaziywa kwezikhululo eziphehla umbane zisebenzisa amalahle, kwaye aqinisekise ukuba eli lixhomekeke kwimveliso zombane kusetyenziswa amalahle. 

Kulomba, unenkxaso yonke yekomiti elawulayo kuzwe lonke yombutho weANC kunye namahlakane kanxantathu wawo. 

Ukuqalisa ukumilisela imisebenzi ehambelana nemeko yentlekele, uRamaphose uthe, iOfisi yezimali kazwelonke izakusithathela ngakuyo isikweleti sika Eskom esingaphezu kwamakhulu amane eeBillion rands, ukuze lenkampani ivelisa umbane ikwazi ukufaka izicelo zemalimboleko ezizakuphumelela kwixa elizayo.

“Urhulumente uzakumxhasa uEskom akwazi ukufumana imali eyongezelelweyo ezakuthenga amafutha ediesel ezakonela unyakamali ezayo. Oku kulindeleke ukuba kunciphise iqondo eliphezulu lenkqubo yokucinywa kombane, njengoko uEskom ezakube enayo idiesel eyoneleyo yokusebenza ngethuba ubuxhaka xhaka bubonakala busindwa kakhulu ngumbane.”

Ngokukhawuleza uEskom uzakuthenga amandla ombane angaphezulu kuka 3000MW kumazwe angomakhelwane. 

Ezinye ziquka:

  • Ukufakelwa wesolar ngaphezu kwezindlu.
  • Ukuvumela abavelisi bombane babucala ukuba nabo bavelise umbane
  • Ukumiliselwa kwezikhululo ezilikhulu ezivelisa amandla ombane ezihlaziyekayo, ukuze zivelise amandla amatsha okuphehla umbane afikelele ku9,000 MW.
  • Iimveliso ezintsha zombane zinkampani zabucala kulindeleke ukuba zivelise amandla afikelele ku2, 800MW.
  • Ukumiliselwa kwemizila emitsha yentambo ezihambisa umbane kunye namaziko amancinci amatsha kwiphondo leMpuma Kapa, eMntla Ntshona kunye naseMtshona Kapa. 

Umfanekiso ongasentla: Unikezelo lweSolar oluyinxalenye yenkqubo entsha yezamandla 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe