
Ngu Songeziwe Mapukata
UNolwandle Nontswabu oneminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe ngumama wabantwana abane owalahlekelwa ngunyana wakhe kwingozi yemoto ngomhla wamashumi amabini anesithandathu ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo.
Ukusukela ngoko umzimba wonyana wakhe owayefunda kwidyunivesithi yaseFort Hare usahleli emkhenkceni ngenxa yokruthakruthano phakathi kwakhe nabantu bomzi awayetshatele kuwo.
NgoLwesine uNontswabu ufumene iindaba ezimshiye ebhidekile ngethuba inkundla ephakamileyo yaseMthatha inikezela ilungelo lokungcwaba kusapho lwalowo wayesakuba ngumyeni wakhe.
Noxa kunjalo, lomama usentlungwini uthi lengxabano kusekude ukuba ifikelele esiphelweni, njengoko ezakufaka isibheno efuna esisigqibo siphinde sinikwe ingqwalasela.
Ethetha neqonga leendaba iScrolla.Africa emva kokuwiswa kwesigwebo ngusekela jaji eyongameleyo uBantubonke Tokota, uNontswabu uthe: “Andisamkeli isigqibo senkundla”.
“Andamkelekanga ukuba ndityelele ikhaya lalowo wayesakuba ngumyeni wam. Ndizakulityelela njani ingcwaba lonyana wam xa ndingavumelekanga ukuba ndingene kulamzi okanye ndithethe nabo? Andazi nokuba bazakundivumela na ukuba ndibeyinxalenye yenkonzo yomngcwabo wakhe, njengoko benikwe ilungelo lokungcwaba yinkundla,” utshilo uNontswabu.
“Ndizakuthetha negqwetha lam kwakhona ukuba sifake isibheno kwesisigqibo”.
“Ndifuna ukungcwaba unyana wam kwindawo engenamkhethe, apho sizokwazi ukuba sityelele ingcwaba lakhe ngalolonke ixesha sifuna.”
Ijaji uTokota uzigxeke kabukhali ezintsapho ngokusebenzisa umntwana ukulwa amadabi abo, ngelixa bevimba unyana wabo ithuba lokufumana inkonzo yomngcwabo ehloniphekileyo.
“Akukho sizathu esibangela ukuba umzimba womntwana ube usahleli kwizikhenkcezisi, ingakumbi ngexesha kuqhuba inkqubo yokucinywa kombane, ngelixa lengxaki bekufanele isonjululwe ngaphandle kwenkundla zintsapho zombini,” utshilo.
UNontswabu uthe utata wonyana wakhe uSiwelile Nontswabu khange athathe nxaxheba kuyo yonke lengxabano, koko ubephula phula yonke into ethethwa ngutata wakhe – ongutatomkhuly wexhoba lengozi yemoto.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lizamile ukuqhakamshelana notata womntwana ukuva uluvo lwakhe, kodwa khange afune kuphawula.
Umfanekiso ongasentla: Umntu omtsha owasweleka kwingozi yemoto kunyaka ophelileyo
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe