UCimi-cimi wombane ubangele umlilo otshabalalise amatyotyombe

Ngu Buziwe Nocuze

Balugcwabevu ngumsindo abahlali bamatyotyombe kwingingqi yaseNever Never ePhillipi njengoko besele bengenandawo yokufihla iintloko emva komlilo otshabalalise amatyotyombe abo ngenjikalanga yangoLwesithathu.

Batyhola inkqubo kacimi-cimi wombane ngesiganeko esitshabalalise amatytotyombe alikhulu namashumi amathathu, kwasala abantu abangamakhulu amathathu anamashumi amathathu anesithathu bengenandawo yokufihla iintloko. 

Ukanti intlungu yababahlali ayiphelelanga apho, abanye babo bebenamatyotyombe abanokuwahlangula, amazinki wamatyotyombe abo ebiwe ngabanye abahlali.  

Ngentseni yangoLwesine, abantu bebekhangela phakathi kweentsalela zenkukuma yokutsha ukuba abanofumana nto isindileyo kulomlilo. Abanye baqalisile ukwakha ngokutsha amakhaya abo, nangona umlilo ubungekacimi ngokupheleleyo. 

UNomawethu Sawutana olilungu lekomoti kulommandla, ubalise ngento ayibone isenzeka. Bekungekudalanga emva kokuba kubuye umbane othathe iiyure ezimbini zonke ungekho njengoko ubuye ngezithuba zentsimbi yesine emalanga, ubone ilifu lomsi omnyama osuka kumatyotyombe aseNever Never. 

“Kuthe kungekudala ubuyile umbane, kwaqalisa umlilo kwelinye lamatyotyombe.” Utshilo. Kukhangeleka ngathi undonakele ubangelwe ngumbane obunengxaki obangele umlilo kwelinye lalatyotyombe. Lomlilo unwenwe ngokukhawuleza uchaphazela yonke indawo yaseNever Never. 

“Sizakubulawa ngulo cimi-cimi wombane. Silahlekelwe zizinto ezinizi kwangoku kwaye asinamali yokuzithenga zonke izinto ezitshatyalaliswe ngumlilo,” utshilo uSawutana exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.

Omnye wabahlali utyhola ngelithi lomlilo ubangelwe ngumntu oshiye isitovu sakhe singacinywanga. “Abantu bangathi yinkqubo yokucinywa kombane, kodwa ngamanye amaxesha kufuneka sithathe uxanduva ngezenzo zethu.”

“Kutheni lowasetyhini eshiye isitovu sakhe sivuliwe ngethuba sihumayela imihla nezolo ngokubaluleka kokukhutshwa kwezixhobo zombane embaneni ngexesha lokucinywa kombane?”

USawutana uthe lowasetyhini kunye neqabane lakhe bakwazile ukungena ngaphakathi kwityotyombe labo elitshayo bakhupha umtshini wokuhlamba iimpahla kunye nomabonakude. 

Kodwa bathe xabebuyela kwikhaya labo ngenjongo zokukhupha ezinye impahla zabo, abantu abebe bukele bebesele bezebile izixhobo zabo zombane. 

“Ndinomsindo yiyo yonke lento,” utshilo uSawutana.

Omnye wabahlali uSivuyile Mbana oneminyaka engamashumi amane anesihlanu, ufumene iindaba zalomlilo esemsebenzini. “Ndinyanzeleke ukuba ndibaleke ndibuye, ndinethemba lokuba ndizokwazi ukusindisa iimpahla zam,” utshilo.

Ngelishwa khange akwazi kusindisa nenye into, kuba ityotyombe lakhe besele litshatyalaliswe ngulo mlilo. 

“Bendigqiba kuthengela abantwana iimpahla zeskolo, ngoku konke kutshabalele nje kanjalo. Ndiyayicaphukela inkqubo yokucinywa kombane, kwaye ndithandazela ukuba abantu abayinxalenye yayo babone ukuba ibuphazamisa kangakanani kwimpilo zethu.”

Isithethi secandelo lomlilo nohlangulo kwisixeko saseKapa uVennessa Scholtz uthe akukhomntu uxelwe njengo limeleyo. 

Ukanti uCharlotte Powell osisithethi sesebe elijongene nentlekele uthe, basaxakekile bekhangela unobangela womlilo. 

Umfanekiso ongasentla: Abahlali baseNever Never abasele bengenamakhaya emva komlilo oqhambuke ngomhla wesibhozo kwinyanga yoMdumba ngonyaka ka2023.

Imvelaphi yomfanekiso: Buziwe Nocuze