
Abagcini zilwanyana kumyezo waseJapan bashiyeka bebhidekile ngethuba imfene enezandla ezimhlophe egama lingu Momo ikhulelwa ngonyaka ka2021, ekubeni hlala yodwa kwindawo ebiyelweyo.
Lo myezo iKujukusima Zoo & Botanical Garden uzinze eNagasaki, ubhengeze kwiveki ephelileyo ukuba iziphumo zohlolo lweDNA zichaza ukuba uyise wentshontsho likaMomo ngu Itoh, inkunzi yemfene ebihlala kwindawo ibiyelwe yodwa.
UJun Yamano oyintsumpa kulo myezo wezilwanyana uxelele iVice Magazine ukuba kubathathe iminyaka emibini ukufumanisa oku, kuba bebengakwazi ukusondela ukuze bathathe incindi yokuvavanya.
“UMomo wayengafuni kwanto isondela entshontshweni lakhe,” utshilo uYamano.
UYamano uthe lomyezo ubhaqe umngxuma omncinci olinganiselwa ngaphantsi kwesentimitha ngokobukhulu, ukwibhodi eyohlule indawo yokuvalelwa kuka momo no Itoh.
Lo myezo ukholelwa ukuba ezizilwanyana zadibana ngethuba uItoh wayehleli kwindawo yomboniso ekufutshane nendawo avalelwe kuyo uMomo, bohlulwe ngumngxuma kuphela,
Lomyezo wongeze ngelithi uceba ukuba uItoh no Momo kunye nentshontsho labo bahanjiswe kulomyezo.
Iimfene zohlobo lweGibbon ezinezandla ezimhlophe zincinci ngokwesiqu, futhi zisemngciphekweni kwaye zifumaneka kumzantsi mpuma welizwekazi laseAsia. Amaxesha amaninzi zibaneqabane elinye, nalapho iimfene ezimbini esele zikwiminyaka yokuzala ziye zizichongele iqabane ezizakuhlala nalo ubomi bazo bonke, itshilo ingxelo yeqonga leendaba iBusiness Insider.
Ezizilwanyana zidibana ngokwesondo unyaka wonke, nalapho umama esenza umsebenzi wokukhathalela amantshontsho nangona efumama ukuncediswa nangutata.
Iimfene zohlobo lweGibbon zihlala nabazali bazo zide zifikelele kwixesha lokuba zifikise okanye kwiminyaka esixhenxe.
Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso Ongasentla: imfene enezandla ezimhlophe
Imvelaphi yomfanekiso: YiNational Geographic Kids