
Ngu Micheal Madyira
Iqela lebhola ekhatywayo iKaizer Chiefs linethuba lokugqibela lokuba livale lesizini ngendebe, njengoko liqalisa uhambo lwalo lokhuphiswano lwendebe iNedbank Cup ngoLwesihlanu lisiya kwiqela iMaritzburg United.
Ezingangalala zaseSoweto zizakuqubisana neTeam of Choice kumjikelo wamashumi amathathu anesibini kwibala lemidlalo iHarry Gwala njengoko lijonge ukudlulela kumdlalo wamagqibela kankqoyi kolukhuphiswano.
Njengoko kubonakala ukuba indebe yePremier Soccer League ikude kuneqela le Chiefs, iNdebe ye Nedbank Cup yeyona ntsimbi basethubeni lokuyibamba kulesizini.
Ukuphanza kweenzame zeliqela ukuphumelela ukhuphiswano loMzantsi Afrika lwemidlalo yokukhutshelwa ngaphandle, kuzakuthetha ukuba iChiefs izakugqiba isizini ingaphathanga nto esandleni, kwaye oku kuzakuthetha ukuba izakuba nesizini ezisibhozo ingaphumeleli ndebe.
Eli lithuba lokuba umqeqeshi uArthur Zwane athulise abagxeki bakhe kulandela isizini ebinobunzima yambethwe ngamahla ndenyuka okungomeleli kweqela lakhe.
“Xa kuthethwa ngalendebe, sifuna ukuphumelela yonke imidlalo,” utshilo uZwane exelela amaqonga eendaba.
“Asikhethi ukuba yeyiphi imidlalo ekufuneka siyiphumelele. Nokuba yimidlalo yendebe okanye eyeleague, sifuna ukufikelela kumdlal wamagqibela kankqoyi kwaye siphumelele, kuba oku kubaluleke kakhulu kweliqela.
“Abadlali bayaqonda ukuba yintoni esemngciphekweni, kwaye siya kulemidlalo sinento enye engqondweni: Ukudlala ngamandla kwaye siqinisekise ukuba siyaphumelela.”
Okunika umdla kakhulu kukuba Amakhosi lelona qela lihamba phambili ngempumelelo kolukhuphiswano, liphethe iindebe ezilishumi elinesithathu, nangona lagqibela ukuphumelela kwimminyaka elishumi eyadlulayo.
Oko yathi yathatha isicoco sentshatsheli zePSL ngonyaka ka 2014/2015, iChiefs zange iphinde iphumelele kwa ndebe.
Ngoku bazakuqubisana neMaritzburg United engayekelelanga mxakatho, kwaye uZwane uyayiqonda into emlindeleyo.
“IMaritzburg liqela elingcono,” utshilo uZwane.
“Badlale kakuhle kakhulu kumdlalo wabo wokugqibela. Umdlalo wangoLwesihlanu uzakube unomahluko ngokugqibeleleyo, nendlela eyohlukileyo yokudlala kwaye umqeqeshi wabo ungumntu obalayo.”
Ngokulindelekileyo, izinto ezingonwabisiyo sezibonakele kulendebe yeNedbank Cup.
Iqela eseli liyiphumelele izihlandlo ezihlanu lendebe iSuperSport United, likhutshiwe ngoLwesithathu likhutshwa liqela elidlala kwisigaba esikumgangatho wesithathu sebhola ekhatywayo iDondol FC.
Umfanekiso Ongasentla: Iqela iChiefs iqubisana neMaritzburg
Imvelaphi yomfanekiso: Kaizer Chiefs