
Ngu Songeziwe Mapukata
Bavuswe zizikhukhula abahlali bedolophu yaseKomani, ngenxa yokudilika kodonga lwedama okubangelwe yimvula ene ngamandla ngokuhlwa kwangoLwesibini.
Amakhulu khulu abahlali kunyanzeleke ukuba bafuduke ngentseni yangoLwesithathu ngenxa yeempuphuma ezichaphazele indawo yolonwabo iCasino kunye nesibhedlele.
Umasipala wasekuhlaleni iEnoch Mgijima uthe kuchaphazeleke iindawo ezikumazantsi wedolophu, kwaye iqela elijongene nentlekele seliqalisile ukufudusa abantu abasemngciphekweni.
“Iindawo ezithile kumbindi wedolophu, umntla waledolophu kunye nendawo yase Sandringham azinambane ngenxa yomonakalo obangelwe yimvula emandla,” itshilo lembalelwano.
Ezimpuphuma zinwenwele kwimimandla emininzi yaledolophu, zaphazamisa ukuhamba kwezithuthi ukusuka emizini yabantu abakwindawo ezisemazantsi, kwaye zonakalise neentambo zombane kwisikhululo sombane iEbden kuquka nesibhedlele sabucala saseKomani.
Ngentseni yanamhlanje, abahlali abavutha ngumsindo bavakalise umsindo wabo kwikhasi lezonxibelelwano laledolophu, begxeka iziphatha mandla zaledolophu ngokohluleka ukulungisa iziseko zokuhambisa amanzi.
“Ngethuba esasinesomiso, omnye wosomashishini wazinikezela ukucoca ukungcola okwakuhleli kwidama iBonkolo Dam simahla,” ubhalile omnye umhlali.
“Abasebenzi bomasipala wasekuhlaleni iEnoch Mgijima, bafuna ukumhlawulisa ngoncedo awayezakulwenza. Ukuba lalicociwe eladama ngesingekho kulengxaki sikuyo!”
Ngentseni yanamhlanje kumiliselwe ikomiti yentsebenziswano yamasebe ohlukeneyo karhulumente, ekhokhelwe ngumasipala wesithili iChris Hani ukuze kuqutyiswane nezizikhukhula.
Umfanekiso ongasentla: Isibhedlele esihlaselwe zizikhukhula
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe