
Ngu Linda Ximba
Ime ngxi inkqubo yokukhutshwa komboniso olangazelelwa ngamandla othi Shaka Ilembe, oku kuza emva kokuba iintsapho ezakhulisa lekumkani yaMaZulu zifunge ngokusa abavelisi balomboniso kwiinkundla zamatyala.
Iintsapho zakwaMhlongo nakwa Mthethwa zithi zaxokiswa kusenzelwa zicinge ukuba zizakuxhamla kwimveliso yalomboniso bhanya bhanya wetshaneli uMzantsi Magic.
Iveliswe nguNomzamo Mbatha, oluthotho lwemiboniso lusekezelwe ngembali ka Kumkani uShaka, owoyisa iinkosi zezizwe ezininzi, emva koko wamilisela isizwe esinamandla samaZulu.
UMhlathuze Mhlongo, osuka kwicala lakulonina ka Shaka, ukumkanikazi uNandi, uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba sele bedibene nomcebisi wabo wezomthetho ngenyathelo elilandelayo abazakulithatha.
“Ababantu bafika Empangeni sabanika imvume yokishicilela ingcwaba lika kumkanikazi uNandi kwaye benza nezinye izinto. Kukhangeleka ngathi basibambise isisila sehobe njengoko sifumanise ukuba bazokwenza umsebenzi wokugqibela walemveliso eJoburg.
“Sasifanele ukukholelwa ukuba usapho lwakwaMhlongo, olunendima kukuzalwa kwenye yeekumkani ezinobungangamsha kwihlabathi, kuthetha ukuba luzakuxhamla kulemveliso inkulu oluhlobo,” utshilo uMhlongo.
UPhila Mthethwa osuka kwilali yakwaMthethwa Empangeni kumantla ephondo laKwaZuku-Natal, apho wakhulela khona uKumkani uShaka, wongeze ngelithi zophukile intliziyo zabo njengoko abashicileli balomboniso bebashiye enyanyeni.
“Basenza sathamba ngokuba basithathe basise kwindawo yobukhazi khazi eBallito apho sabalisa khona yonke imvelaphi yekumkani yamaZulu kunye nomama wayo ukumkanikazi. Ngoku bayasijikela, bathi asizufumana nesenti emdaka.
“Besinethemba lokuba sizakufumana into ezakusenza sikwazi ukugcina imvelaphi nelifa leKumkani nekumkanikazi liphila, nokuphucula iilali zethu ezigutyungelwe yintlupheko. Sizakudibana nabo enkundleni yamatyala,” utshilo uMthethwa.
Umboniso uShaka Ilembe ubufanele ukuba ukhutshwe ngonyaka ka2023, kwaye unabalinganiswa abaphambili abafana no Wiseman Mncube, uLemogang Tsipa, uThembinkosi Mthembu kunye noDuma Ntando abangabalinganiswa abaphambili kumabonakude.
Iinzame zokufumana uluvo lomlawuli walemveliso yeBomb Shelter uAngus Gibson ziphanzile kuba khange aphendule kwimbalelwabo ebeyithunyelwe.
Umfanekiso ongasentla: UNomzamo Mbatha
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe