Umfundi oligqirha unamaphupha okuba nguGqirha

Ngu Buziwe Nocuze

Ukunqwenela ukuba ngugqirha ube uligqirha, yindibanisela engaqhelekanga noko ke leyo. 

Umfundi oligqirha kwisikolo samabanga aphakamileyo i-I.D Mkhize High eKapa unamaphupha okuba ngenye imini azenze zombini ezizakhono zokuphilisa abantu – kodwa ujamelene nobundlobongela obumandla kangangokuba ucinga nokuba ayeke phakathi esikolweni. 

Lo mfundi webanga leshumi ogama lakhe linkonyiweyo, uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba oogxa bakhe esikolweni bamtyhola ngoku ngokuba ngunobangela wezigulo zabo. 

“Ngalo lonke ixesha kukhona umfundi ogulayo, bajonga kum,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

Abanye babo badla ngokuthi “hamba uyophilisa abagulayo” ngomlingo, ngelixa abanye bemtyhola “ngokuthakatha” lomfundi ugulayo. 

“Kubanzima zonke iintsuku ndicinga ukuya esikolweni.”

Lo mfundi uneminyaka elishumi elinesixhenxe wenza ibanga leshumi, akasakwazi kunyamezela ukuhlazeka nobundlobongela ajamelene nabo. 

“Isono sama kukuba ndiligqirha. Ndiphethwe kakubi, kwaye andosakwazi kukunyamezela kwaphela ukuxhatshazwa,” wongezile lomfundi.  

Unxiba iimpahla zakhe zamagqirha ngaphantsi kwezinxibo zakhe zikamakufanwe, kodwa kungekudala inqununu yesikolo yamcela ukuba azikhulule. 

“Ndinxiba impahla zam kunye nentambo ngaphantsi kweyunifom yesikolo, aziveli nakancinci, kodwa usekela nqununu usoloko endicuphile,” utshilo. 

Uvaliwe sisikolo samvelela ukuba angaphinde azinxibe iimpahla zakhe zobugqirha esikolweni. 

Abanye abantu bakholelwa ukuba amagqirha aqalisa ukugula xa eyeka ukwenza umsebenzi wawo okanye eyeka ukunxiba iimpahla zawo. 

Emva kokuba eyeke ukunxiba iimpahla zakhe zobugqirha, uthi waye waqalisa wangaboni okwexeshana. 

“Ngelishwa, ndaye ndangaboni, ndabuyela ndabona emva kokuba ndiqalise ndazinxiba kwakhona,” uchazile. 

UNondyebo Vumazonke akaqondi ukuba kutheni intombi yakhe isoloko icutshiwe.

“Ayinguye kuphela oligqirha esikolweni, kutheni bemhlaza nje?” ubuzile lo mzali.

“Andinokwazi ukunyanzelisa ukuba ahlale apho axhatshazwa khona. Isebe kufuneka liyilungise lento, kuba imfundo yomntwana wam ibalulekile.”

Isithethi sesebe lezemfundo kwiphondo leNtshona Kapa uUnathi Booi uthe esisikolo sikwinkqubo yokulungisa lengxaki, kwaye lijonga iindlela zokukhawulelana nabafundi abanobizo lwezinyanya.  

“Okwethutyana, abafundi abanobizo lwezinyanya bayavunyelwa ukuba banxibe izinxibo zobizo lwabo ezifana namaso,” utshilo uBooi.

Isebe likwingxoxo nesebe lemicimbi yemveli nezemidlalo kunye nequmrhu labo banyanga ngamachiza emveli lephondo leNtshona Kapa, kwinzame zokufumana indlela yokukhawulelana nabantwaba abanobizo lwezinyanya ezikolweni.  

Umfanekiso ongasentla: Umfundi webanga leshumi osisangoma

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze