
Ngu Zukile Majova
Wonke ubani uzifunela nokuba liqhekeza lomasipala wasekuhlaleni Umhlathuze – ikhaya lamalahle eRichards Bay.
Njengoko sisinye jwi isihlalo esohlula oorhulumente bentsebenziswano abakhokelwa ngamaqela iANC kunye IFP, lo masipala angawela nakweliphi na icala.
Icala lentsebenziswano yamaqela aphikisayo akhokhelwe ngumbutho weIFP, ohambisana nemibutho efana neDA, iAfrican Christian Democratic Party kunye ne Freedom Front Plus alawula ngegunya lezihlalo ezingamashumi amathathu amesine kwibhunga lalo masipala, xa kuthelekiswa onezihlalo ezingamashumi amathathu anesithathu zombutho weANC esebenzisana neEFF kunye ne National Freedom Party.
Kunyaka ophelileyo umbutho weIFP waphumelela ulawulo luka ward 12 eyayiphikiswa kanobom eMandlankala – ithalela kuyo ulawulo lwe ward eyayisoloko ilawulwa ngumbutho weANC oko kwafika inkululeko.
Kukhangeleka ngathi umbutho weEFF ufuna ulawulo lwezopolitiko ukuze ukwazi ukukhathaza iingcali zecandelo lamalahle ezisebenzisa olunxweme ukuthumela amalahle kumazwe angaphandle.
Usihlalo wombutho weEFF uVusi Thwala uququzelela ukuba malungu alombutho angamawaka alishumi avale unxweme laseRichards Bay njengenxalenye yokumiswa ngxi kwentshukumo zoluntu ngomhla wamashumi amabini kwinyanga yoKwindla.
Lovimba waselwandle uthwala umthwalo olinganiswela kumashumi alithoba ethoni ngonyaka, usematheni ngokwengxoxo malungq nokushokoxeka kwamandla kweli, okubangela ukuba amashishini angabina mbane iiyure ezilishumi ukuya kwishumi elinesibini ngosuku.
Umongameli uCyril Ramaphosa ohamba phambili ukumilisela olutshintsho kwimveliso zamandla ngenkqubo ye Just energy Transition isuka kwimveliso zamalahle isiya kwimveliso ezihlaziyekayo uthe, amaziko asebenzisa amalahle akazubhangiswa.
Iingcali kwezamalahle zibanga ngelithi, ushishino lamalahle namazwe angaphandle luchaphazela umgangatho wamalahle ashiyeka kweli ukuze asetyenziselwe ukuphehla umbane nguEskom.
Isinyanzeliso sombutho weEFF sokunikwa lo masipala uziphathele, sabangunobangela wokuqhawuka komtshato phakathi kwalo mbutho ne IFP koomasipala abangamashumi amabini kwiphondo laKwaZulu Natal.
Umongameli weIFP uVelenkosini Hlabisa uthe soze banikezele ngalomasipala uxabisa izigidi ezintathu zebhiliyoni zeeRandi, nokwa ngowesithathu ngobukhulu kweliphondo emva kweThekwini ne Umsunduzi (Pietermaritzburg).
Esisixeko siquka idolophu ezifamana neRichards Bay, eMphangeni, eHeatonville kunye naseBuchanana eNtambanana zindawo ezibaluleke kakhulu kwezotyelelo.
Lommandla unemizi mveliso yemiyezo yezilwanyana kulommandla kwaye kukhona neendawo zemigxobobhozo ezitsala abatyeleli abangamawaka waka unyaka nomyaka.
Umfanekiso ongasentla: Inxalenye yomgodi ovelisa amalahle eRichards Bay kumasipala wasekuhlaleni Umhlathuze Municipality
Imvelaphi yomfanekiso: @swagefast