
Ngu Karabo Rammutla
Ngethuba bebevaleleke kumngcelele weemoto abazili ebebezimase inkonzo yomngcwabo kaVusi MaR5’s ngeCawa, bebeziva ngathi olusuku alupheli.
Kodwa kuvele kwathi gqi owasetyhini obekhangeleka ngathi akanxibanga nto kwaphela wabonwabisa balibala ngengxaki zabo uzuzwana.
Enxibe ilokhwe eveza umzimba enganxibanga kwasinxibo sangaphantsi, lowasetyhini – waziwa ngokuba ngu “The undertaker” uqalise walungisa ekhomba iindlela ekufuneka zihambe ngayo iimoto ebezivaleleke kumngcelele.
Iqhinga lika the undertaker libonakale livuselela ukhuphiswano njengoko nabanye bebeyinxalenye yokubonakalisa isakhono sabo sokudanisa kulenginginya yabantu.
Umculo ubusitsho phezulu, kwimoto ebezikhona apha, abalandeli benxibe iilokhwe ezimfutshane bedanisela iculo elithi “Chomi ke changitse”, “Tshomi nditsintshile”.
Kungekudala iilokhwe ezimfutshane ziphele emehlweni, suke lamanina ahamba edanisa eze besiya kumsitho iAfter Tears obubanjelwe eMabopane Car Wash.
UPhindi Maphendola kunye noNelly Mawaza, abadanisi ababini bakaMaR5’s abaziwa ngokunxiba iimpahla ezibabambayo bedanisa beshukumisa iimpundu, benziwe baziva ngathi bangonongendi njengoko bebengakwazi kuqaqamba.
UThe Undertaker uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba uMaR5 ubezofuna bakhulule nangakumbi ukuba ebekhona.
“Apho akhoyo abantu babekhulula. Abadanisi bakhe ababini uPhindi no Nell, basoloko bebonisa ngempundu zabo – ubengazukothuka,” utshilo.
Noxa kunjalo, uUndertaker uthe abalandeli benze
“Ndicinga ukuba abanye abantu bayazibizelq ukuxhatshazwa. Ndidanisa zingaphandle iimpundu zam, kodwa ukuvula imilenze ubonakalisa isitho sakho sangasese noko kukuyibaxa oko,” utshilo.
Umakazi kaMaR5, uEsther Minisi uthe bona abangeni ndawo kwindlela abaziphathe ngayo abazili.
“Basihloniphile, bazenza zonke ezozinto emva komngcwabo. UVusi ubesonwabisa abantu kwaye indlela abantu abawudanisela ngayo umculo wakhe akuyo ngxaki yethu leyo,” utshilo.
“Silusapho, sonwabela nje kuba besihloniphile sagqiba umngcwabo ngaphambi kokuba babonise ngeempundu zabo!”
Umfanekiso ongasentla: A mourner showing her bum at MaR5’s funeral on Sunday
Imvelaphi yomfanekiso: NguKarabo Rammutla