“ULast Born” Tete ufunyaniswe eneziyobisi kwakhona egazini 

Ngu Linda Ximba

Imbethi manqindi eyayisakuba yintshatsheli yehlabathi, uZolani “last born” Tete ujongene nemiceli mngeni enzima, kuquka nokubhangiswa iminyaka emine ngenxa yokusebenzisa iziyobisi zokwenyusa amandla.

Lembethi manqindi iyinzalelwane yephondo leMpuma Kapa yafunyaniswa ineziziyobisi kumchamo wayo wokuqala emva kokuhlolwa kumjikelo wesine awawuphumelela ngokubetha  uBriton Cunningham owawudlalelwa eOVO Arena eLondo ngenyanga yekhala kunyaka ophelileyo. 

Wenza icandelo lomdlalo wamnqindi kwilizwe loMzantsi Afrika lazidla ngaye ngethuba ebuya nentshinga ye Commonwealth, iInternational Boxing Federation (IBF) kunye ne ntshinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) ye International Junior-featherweight.

Kodwa ekuhambeni kwexesha kwafunyaniswa uhlobo lwesiyobisi esenza abadlali babesemfuthweni istanozolol, kumntsontso wakhe. Esi sisiyobisi esabhangiswayo kwezemidlalo ngonyaka ka1974. 

 Abaphathi baka Tete bacela ukuba kuphinde kwenziwe uvavanyo lwesibini, nalo olwaphinda lwabuya luxela esisiyobisi ukuba sikhona egazini lakhe, nto leyo yatshabalalisa onke amathemba okuba lomdlali aqhubekeke nokuziphilisa ngezamanqindi. 

Umanejala wakhe uMlamuleli Tengimfene uvakale engathi woyisakele, ngethuba ethetha  ngezindaba zintsha neqonga leendaba iScrolla.Africa.

“Ngokuzisola okukhulu, nonxunguphalo ukunazisa ukuba uvavanyo lwesibini nalo lubonakalise iziphumo ezifananyo novavanyo lokuqala,” utshilo uTengimfene. 

Uthe benze konke ebebenokukwenza ukukhangela imvelaphi yesisiyobisi.

“Siqale apha kwiqela lethu sangafumani nto isolisayo. Okwangoku akukho nto sinokuyenza,” utshilo. 

“UZolani Tete uzakunyanzeleka ajamelane neziphumo zoku.” 

Emva kweziphumo zokuqala ngenyanga kaNkanga iqumrhu iBoxing South Africa yathatha inyathelo elikhawulezileyo lokunqumamisa iimpepha mvume zokudlala zalomdlali wayesakuba yintshatsheli yeIBF junior-bantamweoght kunye neWBO bantamweight.

Njengoko uTete ezakugqiba iminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ngenyanga yoKwindla, ukunqunyanyiswa iminyaka emine kungathetha ukuba isakhono sakhe ebesiqaqambile kumdlalo wamanqindi sifikelele esiphelweni.

Umfanekiso ongasentla: UZolani Tete

Imvelaphi yomfanekiso: @FrankWarren