Izibulele ngaphakathi kwisikhululo samapolisa indoda yaseHillbrow

Ngu Everson Luhanga

UMandla Xulu uvele wanyamalala engaziwa nokuba utshone phi ngentseni yangoLwesithathu. Washiya inkosikazi yakhe ekhaya engakhange ayixelele nokuba uyaphi. 

Emva kokukhangela ilize, umntakwabo uBubula Xulu wathatha isigqibo sokuba ayekwisikhululo samapolisa eHillbrow ngeenjongo zokuchaza uMandla njengomntu olahlekileyo. Kodwa uthe akufika, amapolisa ambonisa umzimba kabhuti wakhe sele womile. 

UMandla wagaleleka ebaleka kwisikhululo samapolisa malunga nentsimbi yeshumi elinanye ekuseni, ekhwaza ecela uncedo lwamapolisa esithi kukhona abantu abamleqayo.  

Le ndoda ineminyaka engamashumi amahlanu anesibini yayingathi ishiywa zingqondo kungekho mntu ukwaziyo ukuthetha nayo. 

Ngaphambi kokuba amapolisa akwazi ukumnqanda, wathi rhuthu umkhono wekati wawukhomba kuye emzimbeni wazidubula.   

UBubula uthethe neqonga leendaba iScrolla.Africa ngaphandle kwamasango esisikhululo samapolisa. 

“Apha emapoliseni bendingazelanga kuzojonga ubhuti wam oswelekileyo. Kodwa ndizive ndothukile ngethuba amapolisa endibizela ngaphakathi ukuba ndijonge indoda ezibuleleyo ukuba ayiyiyo lendiyifunayo na.” Utshilo. 

“Ubhuti wam wayekwidama legazi.”

UBubula uthe akakholelwa ukuba bekukhona abantu abebeleqa uMandla kuba, ugqibela kwakhe ukumbona umntakwabo wayebonakalisa ukungazinzi. 

UBubula uthe umntakwabo wayekhe wabonakalisa iimpawu zokuphazamiseka ngokwengqondo kwiminyaka eyadlulayo, ekholelwa ukuba abantu bafuna ukumbulala. Kodwa wathi unyangekile emva kokuba betyelele abantu abanyanga ngamayeza emveli. 

“Besikhathazekile ngethuba besingamboni ngentseni yanamhlanje,” utshilo uBubula. 

UBubula uthe umntakwabo ebesebenza njengonogada kwenye yeevenkile zaseHillbrow. 

Isithethi samapolisa kwiphondo laseRhawutini uLieutenant-Colonel Mavela Masondo uthe amapolisa avule ixwebhu lophando emva kwezityholo zomhlali ozidubule ngaphakathi kwesikhululo samapolisa ehillbrow. 

“Ixhoba lingene libaleka kwisikhululo samapolisa laxelela amapolisa ukuba ubona abantu abamkhwazayo bemleqa.”

“Uvele wakhupha umpu kwisingxobo sawo wazidubula kumzimba ongasentla, kwaye uchazwe njengoswelekele kwindawo yexhwayelo,” utshilo uMasondo.

UMasondo uthe phando lokuqala lubonakalise ukuba lompu ububhaliswe ngegama lomfi. 

Amapolisa kunye nabahlali ababone esisiganeko bafumana ululeko ngokwengqondo. 

Ngokukhawuleza emva kokuba uMandla ezidubulile, isithuthi sezikhenkcezisi sifikile sazolanda umzimba wakhe. 

Umfanekiso Ongasentla: UBubula Xulu ume ngaphambi kwesikhululo samapolisa eHillbrow apho ubhuti wakhe uMandla athethe khona ubomi bakhe

Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga