Iphila ubomi bentshontsho indoda exhatshazwa ngunoTaxi wasetyhini

Ngu Doreen Mokgolo

Sele kuphele iinyanga uDavid Chauke exhatshazwa kwaye ebethwa ngumqhubi wetaxi – kwaye ngoku unoloyiko lokuba umfuna efile.

Le ndoda sele iphila ngemali yendodla ihlala eTsakani Ekurhuleni, incame yabhaca emva kokuba yabethwa ngulomqhubi wetaxi ukhangeleka engaphilanga ngempela nyanga edlulileyo. 

Ingxaki yaqala ngenyanga yeSilimela kunyaka ophelileyo ngethuba uChauke enyanzelisa izithuthi zika wonke wonke zasekuhlaleni ukuba ziyeke ukumisa phambi kwesango lakwakhe, zivale indlela yokungena.

Uthe abaqhubi babephinda bachame kufutshane nocingo lwakhe – nto leyo ishiya ivumba elibi. 

Ngelixa abanye abaqhubi bacela uxolo, omnye kubo zange afune kumamela. Lomqhubi wasetyhini wamngxolisa uChauke ngokuba nesibindi sokufuna ukuxabana naye, esithi akasoze axelelwe ngummi wangaphandle ukuba makayimise phi imoto yakhe.  

Emva koko wabanobundlobongela waqalisa wabetha lendoda sele ikhulile. 

Ingxaki zange iphelele apho. Waqhubeka eqinisekisa ukuba umenza ixhoba lakhe, ngokuqinisekisa ukuba upaka imoto yakhe ngaphambi kwesango lakhe ngalolonke ithuba alifumanayo. 

UChauke uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba bekumphatha kabuhlungu ukunyanzeleka acenge ebongoza lomqhubi zonke iintsuku ukuba asuse imoto yakhe ngaphambi kwesango lakhe.

“Ukusukela ngoko uyandithuka ngalolonke ixesha efumana ithuba lokundithuka ngaphambi komakhelwane kunye nabanye abaqhubi beemoto.” 

UChauke wake wabethwa kanobom ngulo wasetyhini kwade kwanyanzeleka ukuba alaliswe esibhedlele. 

“Ngenyanga yoMnga wandibetha kabuhlungu kangangokuba ndade ndalaliswa esibhedlele. Emva koko wandigrogrisa ngokuba uzakundigqibezela ukuba sike sadibana kwindawo yasesidlangalaleni,” utshilo.

NgoLwesithathu kwiveki ephelileyo, umrhanelwa uzame ukufezekisa izigrogriso zakhe ngethuba ebalekisa imoto ngesantya esiphezulu kwinzame zokumtshayisa. 

“Ndasinda nje ngethamsanqa, wathi akubona ukuba undibhudile, waphuma emotweni wandibetha ngaphambi kokuba ndihlangulwe ngabanye abaqhubi kunye nenkosikazi yam.  

“Ndanele kukuphila ngoloyiko lokuba uzakundibulala ngenye imini. Ndiphuma ngaphandle kwendlu yam ebusuku kuphela, ndisazi ukuba batshayisile okanye ndihambe ekuseni kakhulu,” wongeze wenjenjalo. 

Oligosa elijongene nobudlelwane noluntu kumbutho wetaxi iSprings taxi Association uLyric Tau uthe bayayiphanda lenyewe kwaye kulindeleke ukuba umqhubi obandakanyekayo abizelwe uviwo. 

“Ngokukhawuleza emva kokuqukunjelwa uphando sizakubuyela kwixhoba silazise ngeziphumo. 

“Siyityelele indawo ekusetyenzelwa kuyo, kwaye sizibonile ingxaki ezijamelene nexhoba kwaye sizakuzama ukufumana indlela ezizezinye zokuncedisana nabaqhubi kunye nolusapho,” wongeze wenjenje.

Isithethi samapolisa aseTsakani uSergeant Lerato Mngomezulu uqinisekisile ukuba baphanda ityala lokubetha.

“Umrhanelwa kusalindeleke ukuba abanjwe kwaye uphando sele luqhuba,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: UDavid Chauke

Imvelaphi yomfanekiso: NguDoreen Mokgolo