Ikroti lonogada lisindise owasetyhini lonzakalisa abarhanelwa abathathu

Ngu Everson Luhanga

NgoLwesibini ikroti lonogada lidubule izikrelemnqa ezintathu ebezixhobile, kwilinge lokusindisa umqhubi wasetyhini obeqweqwediswa zezizikrelemnqa zifuna nokumkhuthuza eLinbro Park kumantla esixeko saseJohannesburg.

Lonogada ebebukele ekumgama ongephi ngethuba la madoda mathathu esondela kwisithuthi sohlobo iSuzuku esilver salowasetyhini esiye sema sakufika ezirobhothini. Ngoko nangoko uqondile ukuba kukhona okungalunganga. 

Khange athandabuze akubona ezizikrelemnqa zithetha gadalala nalowasetyhini kunye nomkhweli kwisithuthi sakhe. 

Ngokukhawuleza usondele efuna ukulungisa lemeko; kodwa abaqweqwedisi bayebaxhalaba, kwaye bamkhomba ngemipu. 

Kodwa lonogada khange abonakalise kothuka; ukhuphe owakhe umpu,wadubula ngakulamadoda. 

Lo nogada uwachane omathathu la madoda, ze amaxhoba aphuma engenawo nomkrwelo kwesisiganeko. 

Isithethi samapolisa kwiphondo laseRhawutini uLieutenent Colonel Mavela Masondo uqinisekisile ukuba abarhanelwa basindile koludubulo, kwaye babelekiselwe kwisibhedlele esikufutshane. 

“Bobathathu abarhanelwa bafumane ukonzakala kwaye babalekiselwe kwisibhedlele esikufutshane kwaye baphantsi kweliso lamapolisa.”

“Ixhoba kunye nonogada khange bafumane konzakala, kwaye amapolisa avule ityala lokukhuthuza kuxhotyiwe eliphandwayo.”

Iqonga leendaba iScrolla.Africa lifike kwindawo yexhwayelo amaxhoba esekhona, kwaye ebekhangeleka othukile sesisiganeko. 

Ukanti Kufunyenwe ingxowa emhlophe ekukholeleka ukuba ishiywe ngabarhanelwa kwindawo yexhwayelo.

Umhlali walommandla uVincent Ndima uthe, lendawo kudibana kuyo iindlela sisizikithi solwaphulo mthetho, ingakumbi iziganeko zokuqweqwediswa kwabantu zizikrelemnqa ezixhobileyo. 

“Esi ayisosiganeko sokuqala ukwenzeka kulendlela. Sidinga mapolisa ukuba agqogqe rhoqo kulommandla ukuze basuke abantu abagacele ukwenza iziganeko zolwaphulo mthetho.”

Umfanekiso ongasentla: Abarhanelwa abathathu abonzakaliswe ngonogada ngethuba edubula ngenzame zokusindisa umqhubi obesoyika ukuqweqwediswa

Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga